Ke kaloku thina sandulela ukuya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Uthe akuhlangana nathi eAso, samthabatha, saya kufika eMitilene. Semka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; Sathi ngengomso safika eSamo, sahlala eTrogiliyo; saza ngengomso seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem. EseMileto wathumela e-Efese, wabiza amadoda amakhulu alo ibandla. Befikile ke kuye, wathi kubo, Niyazi ukuba bendihleli nani ngamaxesha onke, kususela kwimini yokuqala endafikayo kwelaseAsiya; ndikhonza iNkosi ngako konke ukuthobeka kwentliziyo, ndineenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngokulalela amaYuda; nokokuba andinifihlelanga nto, ndanibonisa nje, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu, ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu. Nangoku, yabonani, mna ndiya eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona; ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo. Kambe ke ubomi bam andibugqali njengobalulekileyo kum, ukuze ndilufeze ugqatso lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo lweNkosi uYesu, lokungqina iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo. Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kubuya nibubone ubuso bam. Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke; Kuba ndanixelela lonke icebo likaThixo. Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kusuka amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbule, ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi. Ngoku ke, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo, nakwilizwi lobabalo lwakhe, enako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo. Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani. Nani ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam. Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu, yokuba yona yathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa. Akuba etshilo, waguqa ngamadolo, wathandaza kunye nabo bonke. Basuka balila kakhulu bonke, bawa entanyeni kaPawulos, bamanga, bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamkhapha ke bamsa emkhombeni.