Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 20:13-38

IZENZO 20:13-38 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku thina sandulela ukuya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Uthe akuhlangana nathi eAso, samthabatha, saya kufika eMitilene. Semka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; Sathi ngengomso safika eSamo, sahlala eTrogiliyo; saza ngengomso seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem. EseMileto wathumela e-Efese, wabiza amadoda amakhulu alo ibandla. Befikile ke kuye, wathi kubo, Niyazi ukuba bendihleli nani ngamaxesha onke, kususela kwimini yokuqala endafikayo kwelaseAsiya; ndikhonza iNkosi ngako konke ukuthobeka kwentliziyo, ndineenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngokulalela amaYuda; nokokuba andinifihlelanga nto, ndanibonisa nje, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu, ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu. Nangoku, yabonani, mna ndiya eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona; ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo. Kambe ke ubomi bam andibugqali njengobalulekileyo kum, ukuze ndilufeze ugqatso lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo lweNkosi uYesu, lokungqina iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo. Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kubuya nibubone ubuso bam. Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke; Kuba ndanixelela lonke icebo likaThixo. Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kusuka amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbule, ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi. Ngoku ke, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo, nakwilizwi lobabalo lwakhe, enako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo. Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani. Nani ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam. Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu, yokuba yona yathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa. Akuba etshilo, waguqa ngamadolo, wathandaza kunye nabo bonke. Basuka balila kakhulu bonke, bawa entanyeni kaPawulos, bamanga, bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamkhapha ke bamsa emkhombeni.

IZENZO 20:13-38 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene. Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste• eYerusalem. Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla. Akufika ke kuye, wathi kuwo: Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha, ndikhonza eNkosini, ndínako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda: okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu, ndiqononondisa kumaYuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu. Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona; ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo. Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo. Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kuba sabubona ubuso bam. Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke; kuba andinifihlelanga nto; ndanityela lonke icebo likaThixo. Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilalúse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi. Kungoku, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo nakwilizwi lobabalo lwakhe, onako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo. Andinqwenelanga silivere nagolide nangubo kabani. Nina ke ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla zazisebenzela iintswelo zam, nezababenam. Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa. Akutsho, waguqa ngamadolo, wathandaza nabo bonke. Basitsho ke isililo esikhulu bonke, bawa phezu kwentamo kaPawulos, bamanga kakhulu, bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamphelekelela ke, baya emkhombeni.

IZENZO 20:13-38 IBHAYIBHILE (XHO96)

Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni. Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene. Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto. UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka. Sathi xa siseMileto, uPawulos wathumela e-Efese, ukuba abadala bebandla baye kuye. Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya. Njengesicaka seNkosi, umsebenzi wam ndawenza ngentobeko ndisezinyembezini, nakumaxesha anzima ândifikeláyo ngenxa yamayelenqe amaJuda. Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu. KumaJuda nasezintlangeni ndazingisa ukubalumkisa abantu ukuba baguqukele kuThixo beyivuma iNkosi yethu uYesu. Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona. Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko. Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo. “Ndijikelezile phakathi kwenu, ndivakalisa ngolawulo lukaThixo kuni. Ibe ngoku ndazi kakuhle ukuba akukho bani kuni uya kuphinda andibone. Ngokunjalo ndingqina ndiqinisekile ngayo le mini ukuba xa kuthe kwakho umntu olahlekayo apha kuni, ndimsulwa mna, kuba andizange ndifihle nto – ndalivakalisa njengoko linjalo icebo likaThixo kuni. Zilumkeleni nina ngokwenu, niwulumkele nawo umhlambi athe uMoya oyiNgcwele wanibeka phezu kwawo. Yibani ngabelúsi bebandla likaThixo, athe walizuza ngegazi lowakhe uNyana. Kuba ndiyazi ukuba ndakumka, kuya kuvela kwalapha kuni iingcuka eziqwengayo, ezingayi kuba nanceba ngomhlambi lo. Kwalapha kuni kuya kubakho amadoda agqwetha inyaniso, enenjongo yokuwalahlekisa amakholwa. Lumkani ngoko, nikhumbule ukuba imini nobusuku ndaniluleka nonke ngabanye, ndisezinyembezini, ithuba leminyaka emithathu. “Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe. Andizange ndinqwenele mali nampahla yamntu. Kaloku nazi mhlophe ukuba ndasebenza ngezi zandla zam, ndizixhasa kuzo zonke iintswelo zam kwanezamahlakani am. Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ” Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza. Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo. Babehlatyaniselwe ngokukodwa ngamazwi awawathetháyo esithi abayi kuphinda bambone. Baza ke bamkhapha, baya naye enqanaweni.

IZENZO 20:13-38 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kodwa tina sandulela saya enqanaweni, saselishela e‐Asosi, apo besifuna ukumtabata u‐Paulusi kona; ngokuba ebezimisele njalo, etanda ngokwake ukuhamba ngenyawo. Naxeshekweni ebehlangene nati e‐Asosi, samtabata seza e‐Mitilene. Saselisha kona ke, saza ngomhla olandelayo safikela malungana ne‐Kiyo, nangomnye umhla safika e‐Samo; sati silibele e‐Tirogiliyone, seza ngomhla olandelayo e‐Milito. Ngokuba u‐Paulusi ebegwebile ukuselisha ngokudlula e‐Efese, ukuze angabi nakuci̔ta ixesha e‐Asiya; ngokuba ebenxama ukuti, ukuba bekusenzeka kuye, abeko e‐Yerusaleme ngomhla wepentekoste. Wati kekaloku e‐Milito watuma e‐Efese, wabiza abadala beṙemente beze kuye. Naxeshekweni babefikile kuye, wati kubo: Niyazi kakulu nina, kutabata kowokuqala umhla endafika ngawo e‐Asiya, ukuba ndati nina ukubako nani lonke eloxesha; ndikonza INKOSI ndinako konke ukutobeka kwentliziyo, nenyembezi ezininzi, namalingwa, lawo ndehlelwa ngawo ngengcebo zama‐Juda: okokuba andibambanga mva nanye yezozinto ezilungele ukunceda, koko ndishumayele kuni, ndanifundisa, ekuhleni nangezindlu ngezindlu, ndinqi̔nisa nakuma‐Juda nakuma‐Girike, uguquko olungakuye UTIXO, nokolo olungakuyo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Nakaloku, bona ke, nditi ndibotshiwe emoyeni wam ndiye e‐Yerusaleme, ndingazi izinto eziya kundifikela kona; ndisazi kupela ukuba UMOYA OYINGCWELE kuzo zonke izixeko uyanqi̔nisa, esiti izinxibo nembandezelo ziyandilinda. Koko ndingakatali zezizinto nanye, kanjako andibali ubomi bam ngokuba bunqabile kum, ukuze ndifeze uhambo lwam ngovuyo, nobukonzi endabamkelayo KWINKOSI u‐Yesu, ukuba ndinqi̔nise ivangeli yofefe LUKATIXO. Nakaloku, bona ke, ndiyazi ukuba nina nonke, endahambayo pakati kwenu ndishumayela ubukumkani BUKATIKO, aniyi kubuya nibone ubuso bam. Ngako ndiyaninqi̔nela kulemini yanamhla, ukuba ndimsulwa kulo igazi labo bonke: ngokuba ndingabambanga mva nanto, ukuba ndibe ndinganishumayezanga lonke icebo LIKATIXO. Zilumkeleni ngoko, kwa nawo wonke umhlambi enimisiweyo abalindi kuwo NGUMOYA OYINGCWELE, ukuba niyaluse iṙemente KATIXO, ayizuzileyo ngelake igazi. Ngokuba ndikwazi oku mna, ukuba kwoti emveni kwokumka kwam kungene incu̔ka ezinzima pakati kwenu, zingayeki umhlambi. Nakuni ngokwenu kwovuka amadoda eteta izinto ezigwenxa, ukuze ar̔ole abadisipile baye emva kwawo. Ngako oko lindani, nikumbule ukuba iminyaka yamitatu, ebusuku nasemini, andapeza ukuyala bonke ngabanye ndinenyembezi. Nokwakaloku nje, bazalwana! ndiyanibekela KUTIXO nakwilizwi lofefe lwake, konamandla okunaka, nokunipa ilifa pakati kwabo bonke abenziwe ngcwele. Andinqwenelanga isilivere, negolide, nesivato samntu. Nani ngokwenu niyazi ukuba izandla ezi zikonzile kuzo intswelo zam, nakubo abebenam. Ndinibonisile zonke izinto, ukuba nisebenza ngokunjalo nifanele ukubaxasa abayimilwelwe, nokuwakumbula amazwi ENKOSI u‐Yesu, ukuba yena wati: Ukupa kutamsanqelekile ngapezu kwokwamkela. Waza akuba ebetshilo oku, waguqa ngamadolo, watandaza kunye nabo bonke. Kwasuka kwabako ukulila okukulu pakati kwabo bonke; baza bawa pezu kwentamo ka‐Paulusi, bamanga, bedandatekile ngokukodwa pezu kwelozwi abelitshilo ukuti, abayi kubuya babone ubuso bake. Bampelekelela ke enqanaweni.