Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 20:1-16

iZenzo 20:1-16 CXB24

Ke kaloku, sakuba sidambile isiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi bakhe, wababulisa, wemka waya kwelaseMakedoni. Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile kakhulu, weza kwelamaGrike. Wahlala apho iinyanga zantathu. Ke kaloku, xa abezalelwe kuye amaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya. Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya nguSopatro waseBhereya; nabaseTesalonika, uAristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabaseAsiya, ooTikiko noTrofimo. Aba ke bona basandulela, basilinda eTrowa. Semka ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; sahlala khona iintsuku zasixhenxe. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayeshumayela kubo, eza kumka ngengomso; Wayiqhuba intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku. Kwaye kukho izibane ezininzi kwigumbi eliphezulu, apho babehlanganisene khona. Kwakuhleli efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obunzulu; Wehla ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo, wayiwola, wathi, Musani ukuzikhathaza; ngokuba umphefumlo wakhe ukuye. Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo. Bamzisa ke umfana ehleli, bethuthuzelekile noko. Ke kaloku thina sandulela ukuya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Uthe akuhlangana nathi eAso, samthabatha, saya kufika eMitilene. Semka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; Sathi ngengomso safika eSamo, sahlala eTrogiliyo; saza ngengomso seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.