Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 20:1-16

IZENZO 20:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni. Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike. Wenza apho iinyanga zantathu. Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya. Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yangu-Aristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo; abo basandulela, basilinda eTrowa. Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon' ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku. Zaye ke izibane zanele egumbini eliphezulu, apho babehlanganisene khona. Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. Akubon' ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile. Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo. Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo. Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo. Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene. Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste• eYerusalem.

IZENZO 20:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, sakuba sidambile isiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi bakhe, wababulisa, wemka waya kwelaseMakedoni. Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile kakhulu, weza kwelamaGrike. Wahlala apho iinyanga zantathu. Ke kaloku, xa abezalelwe kuye amaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya. Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya nguSopatro waseBhereya; nabaseTesalonika, uAristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabaseAsiya, ooTikiko noTrofimo. Aba ke bona basandulela, basilinda eTrowa. Semka ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; sahlala khona iintsuku zasixhenxe. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayeshumayela kubo, eza kumka ngengomso; Wayiqhuba intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku. Kwaye kukho izibane ezininzi kwigumbi eliphezulu, apho babehlanganisene khona. Kwakuhleli efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obunzulu; Wehla ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo, wayiwola, wathi, Musani ukuzikhathaza; ngokuba umphefumlo wakhe ukuye. Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo. Bamzisa ke umfana ehleli, bethuthuzelekile noko. Ke kaloku thina sandulela ukuya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo. Uthe akuhlangana nathi eAso, samthabatha, saya kufika eMitilene. Semka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; Sathi ngengomso safika eSamo, sahlala eTrogiliyo; saza ngengomso seza eMileto. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.

IZENZO 20:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)

Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni. Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike, apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni. Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya. Basandulela baya kusilinda eTrowa. Emva kweSidlo seZonka ezingenaGwele sanduluka eFilipi ngesikhephe, saza emva kweentsuku ezintlanu sadibana nabo eTrowa, apho sachitha iveki khona. Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo. Intlanganiso leyo yayisegumbini eliphezulu apho kwakukho izibane ezininzi. Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile. UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!” Waza ke uPawulos wenyuka waya egumbini eliphezulu, wafika wathatha isonka watya. UPawulos wathetha nabo kwada kwaphuma ilanga, waza ke wemka. Umfana lowo bagoduka naye ephilile, nabo bethuthuzelekile. Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni. Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene. Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto. UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.

IZENZO 20:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU emveni kwokuba bekupelile isipitipiti eso, u‐Paulusi wabizela kuye abadisipile, wababulisa, wemka ukuya kuhambela e‐Masedoniya. Wati ezicandile izahlulo ezo, ebayalile ngokuteta okuninzi kanjalo, weza e‐Girike. Kwati akuba efezile inyanga ezintatu kona, enzelwe ingcebo ngama‐Juda nxa abehlalela ukuselishela e‐Siriya, kwavuka iqinga lokuba wobuya nge‐Masedoniya. Kwaye kumpeleka kwada kwase‐Asiya u‐Sopatere wase‐Bereya; nakuma‐Tesalonika, u‐Aristariko no‐Sekondu; no‐Gayusi wase‐Derebe, no‐Timote; nabase‐Asiya, u‐Tikikusi no‐Trofimo. Aba besandulela basilinda e‐Tirowa. Saza tina saselisha e‐Filipi emveni kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo e‐Tirowa ngentsuku zantlanu; apo sahlala kona intsuku zasixe̔nxe. Kekaloku ngolwokuqala usuku lweveki, nxa abadisipile bebehlanganisene ukuqezula isonka, u‐Paulusi wateta kubo, ehlalela ukusuka ngomso; wabehambisa isiteto sake kwada kwapakati kwobusuku. Kwaye kuko izibane ezininzi enkambilini yapezulu apo bebehlanganisene kona. Yati indodana etile egama lingu‐Yutikusi ebihlala efenstileni, iwelwa butongo obukulu, nxa u‐Paulusi ebeteta kade, yatoba ngobutongo, yawa pantsi kweyesitatu indawo yapezulu, yacolwa ifile. Kodwa ehlile u‐Paulusi, wawa pezu kwayo, wayibamba ngento engqongayo, wati: Ningenzi ingxolo; ngokuba umpefumlo wayo ukuyo. Waza enyukile, eqezule isonka, etyile, encokolile kade kwada kwati qi̔p’ ukusa, wemka ngokunjalo ke. Bati umfana bamzisa ehleli, bonwatyisiwe kakulu. Kodwa tina sandulela saya enqanaweni, saselishela e‐Asosi, apo besifuna ukumtabata u‐Paulusi kona; ngokuba ebezimisele njalo, etanda ngokwake ukuhamba ngenyawo. Naxeshekweni ebehlangene nati e‐Asosi, samtabata seza e‐Mitilene. Saselisha kona ke, saza ngomhla olandelayo safikela malungana ne‐Kiyo, nangomnye umhla safika e‐Samo; sati silibele e‐Tirogiliyone, seza ngomhla olandelayo e‐Milito. Ngokuba u‐Paulusi ebegwebile ukuselisha ngokudlula e‐Efese, ukuze angabi nakuci̔ta ixesha e‐Asiya; ngokuba ebenxama ukuti, ukuba bekusenzeka kuye, abeko e‐Yerusaleme ngomhla wepentekoste.