Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMSEBENZI WABATHUNYWA 20:1-16

UMSEBENZI WABATHUNYWA 20:1-16 XHO96

Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni. Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike, apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni. Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya. Basandulela baya kusilinda eTrowa. Emva kweSidlo seZonka ezingenaGwele sanduluka eFilipi ngesikhephe, saza emva kweentsuku ezintlanu sadibana nabo eTrowa, apho sachitha iveki khona. Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo. Intlanganiso leyo yayisegumbini eliphezulu apho kwakukho izibane ezininzi. Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile. UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!” Waza ke uPawulos wenyuka waya egumbini eliphezulu, wafika wathatha isonka watya. UPawulos wathetha nabo kwada kwaphuma ilanga, waza ke wemka. Umfana lowo bagoduka naye ephilile, nabo bethuthuzelekile. Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni. Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene. Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto. UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.