Ke kaloku kwathi, xa uApolo eseKorinte, uPawulos ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese; Wathi kubo, uMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathe ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele. Wathi kubo, Nabhaptizelwa ngantoni na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane. Wathi uPawulos, uYohane okunene wabhaptiza ngobhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu. Bathe ke bona bakukuva oko, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. Akuba uPawulos ebabeke izandla, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo; Baye bethetha ngeelwimi, beprofeta. Aye onke amadoda engathi alishumi elinababini. Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Kodwa abanye bakuba beqaqadekile, bengakholwa, bethetha kakubi ngayo iNdlela leyo phambi kwesihlwele, wemka kubo, wabahlula abafundi bakhe, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. Loo nto ke yenzeka iminyaka emibini; ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi, amaYuda kwanamaGrike. uThixo ke wenza imisebenzi yamandla ebalulekileyo ngesandla sikaPawulos. Kaloku iiqhiya neefaskoti ziphuma emzimbeni wakhe, zisiwe kwabagulayo, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo. Ke kaloku abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos. Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko. Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi, uYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; Ningoobani na ke? Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela, wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze. Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; bawelwa kukoyika bonke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu. Yaye into eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo. Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere. Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.