Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 19:1-20

IZENZO 19:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku kwathi, xa uApolo aseKorinte, uPawulos, ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese; wafumana bafundi bathile, wathi kubo, UMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathi ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele. Wathi kubo, Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane. Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu. Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu. Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta. Aye ke amadoda lawo ewonke engathi alishumi elinamabini. Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. Oku ke kwenzeka iminyaka emibini, ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi uYesu, amaYuda kwanamaGrike. Waye noThixo esenze ngezandla zikaPawulos imisebenzi yamandla engahlali isihla; ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo. Ke kaloku bathi abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos. Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko. Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi. UYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; ke nina ningoobani na? Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, bezé. Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu. Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo. Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, yazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere. Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.

IZENZO 19:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ngexesha uApolo wayeseKorinte, uPawulos yena wacanda phakathi kuloo mimandla, waya kufika e-Efese. Apho wafumana iqela labalandeli bakaYohane, wababuza wathi: “Namamkela na uMoya oyiNgcwele ukuzinikela kwenu?” Baphendula bathi: “Asizange sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.” UPawulos wababuza wathi: “Phofu lubhaptizo luni enabhaptizwa ngalo?” Bona bathi: “Lubhaptizo lukaYohane.” UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.” Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo. Babengamadoda amalunga neshumi elinambini. Ngesithuba seenyanga ezintathu uPawulos wayesiya *endlwini yesikhungo yamaJuda, ethetha, exoxa nabo abantu ngesibindi, ezama ukuboyisela ekulawulweni nguThixo. Kodwa abanye babo baba neenkani, abavuma ukuzinikela, basuka bayingcikiva iNdlela yeNkosi esidlangalaleni. Ngoko ke uPawulos wabashiya, wathatha abalandeli bakaYesu, waza wafundisa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. Le nto ke wayiqhuba isithuba seminyaka emibini, bada bonke abantu ababehlala kwelo phondo laseAsiya, amaJuda kwanamaGrike, baliva ilizwi leNkosi. Amandla kaThixo âbonakala ngezinto ezingaqhelekanga ezazisenziwa nguPawulos. Neetshefu ezi kwaneefaskoti ezichukumise umzimba kaPawulos zazibaphilisa abagulayo, kude kuphume neendimoni. AmaJuda athile awayejikeleza ekhupha iindimoni, nawo akhe azama ukusebenzisa igama leNkosi uYesu. Ayesithi kwiindimoni: “Ndikuyala ngegama likaYesu, lo ushunyayelwa nguPawulos.” Aba babesenza le nto yayingoonyana abasixhenxe bombingeleli oyintloko womJuda owayenguSkeva igama. Kodwa indimoni yathi kubo: “Ndiyamazi uYesu, noPawulos ndiyamazi; nina ke ningoobani?” Ke kaloku indoda leyo yayinendimoni yabahlasela yabongamela, ibadlakazelisa kangangokuba baphuma apho kuloo ndlu bagqotsa bengxwelerhekile, neempahla zabo zivukuvuku. Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa. Amakholwa amaninzi azinikezela, ezivuma ezixela esidlangalaleni izinto azenzileyo. Uninzi lwâbo babesenza imilingo lwaziqokelela lwazitshisela esidlangalaleni iincwadi zalo. Bawabala bawadibanisa amaxabiso ezo ncwadi, bazifumana zikwisithuba samashumi amahlanu amawaka eerandi. Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.

IZENZO 19:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku kwathi, xa uApolo eseKorinte, uPawulos ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese; Wathi kubo, uMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathe ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele. Wathi kubo, Nabhaptizelwa ngantoni na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane. Wathi uPawulos, uYohane okunene wabhaptiza ngobhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu. Bathe ke bona bakukuva oko, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. Akuba uPawulos ebabeke izandla, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo; Baye bethetha ngeelwimi, beprofeta. Aye onke amadoda engathi alishumi elinababini. Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Kodwa abanye bakuba beqaqadekile, bengakholwa, bethetha kakubi ngayo iNdlela leyo phambi kwesihlwele, wemka kubo, wabahlula abafundi bakhe, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. Loo nto ke yenzeka iminyaka emibini; ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi, amaYuda kwanamaGrike. uThixo ke wenza imisebenzi yamandla ebalulekileyo ngesandla sikaPawulos. Kaloku iiqhiya neefaskoti ziphuma emzimbeni wakhe, zisiwe kwabagulayo, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo. Ke kaloku abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos. Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko. Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi, uYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; Ningoobani na ke? Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela, wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze. Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; bawelwa kukoyika bonke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu. Yaye into eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo. Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere. Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.

IZENZO 19:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAYE kute nxa u‐Apolosi ebeko e‐Korinte, wati u‐Paulusi ecandile izahlulo zasentla, weza e‐Efese: waza efumene kona abadisipile abatile, wati kubo: Namkela UMOYA OYINGCWELE nakukolwa kusinina? Bati bona kuye: Aseva nokuba UMOYA OYINGCWELE uko na. Waza wati kubo: Nabapitizeshelwa kwinto nina pofu? Bati bona: Kulo ubapitizesho luka‐Johane. Wati ke u‐Paulusi: u‐Johane okunene wabapitizesha ngobapitizesho lwoguquko, esiti ebantwini, mabakolwe kulowo ozayo emva kwake, oko kukuti, ku‐Yesu ongu‐Kristu. Bati bakuva oku babapitizeshelwa egameni LENKOSI u‐Yesu. Waza akuba u‐Paulusi ebebekile pezu kwabo izandla zake, weza UMOYA OYINGCWELE pezu kwabo; baza bateta ngezinye inteto, baprofitesha. Abe ke amadoda lawo inani lonke engati alishumi linamabini. Waza wangena endlwini yentlanganiso, wateta ngokukalipa, inyanga zazintatu, epikisa ecenga ngezinto ezingabo ubukumkani BUKATIXO. Kodwa xeshekweni abatile baba lukuni, bengakolwa, beteta kakubi ngendlela leyo ebusweni bomhlambi, wemka kubo, wahlula abadisipile, epikisa imihla ngemihla esikolweni somntu ongu‐Tirano. Kwaye kusenziwa oku iminyaka yamibini, bada bonke ababemi e‐Asiya beva ilizwi LENKOSI u‐Yesu, kwa nama‐Juda nama‐Girike. Kanjako izenzo zamandla ezingenziwa futi wabezenza UTIXO ngezandla zika‐Paulusi; kwada kwasiwa kwabafayo iqiya nezikaka zivela emzimbeni wake, zaza izifo zesuka kubo, nomoya abakohlakeleyo bapuma kubo. Bati kekaloku abatile bakuwo ama‐Juda azincibi zokufungisa ezihambahambayo, balinga ukubiza igama LENKOSI u‐Yesu pezu kwabo babenomoya abakohlakeleyo, besiti: Siyanifungisa u‐Yesu, lowo u‐Paulusi amshumayelayo. Kwabekuko abatile, onyana baka‐Sikeva, um‐Juda, umperisite omkulu, ababekwenza oku. Kodwa wapendula umoya okohlakeleyo wati: u‐Yesu ndiyamazi, no‐Paulusi ndiyamazi kakulu; kodwa nina, ningobanina? Waza umntu abekuye umoya okohlakeleyo watsibela pezu kwabo, wenza ngamandla kubo, waboyisa, bada besaba kuleyondlu bezé belinyaziwe. Lento ke yazeka kubo bonke ababemi e‐Efese, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike; kwaza kwawa ukwoyika pezu kwabo bonke, laye igama LENKOSI u‐Yesu belizukiswa. Kanjalo abaninzi babakoliweyo babesiza bevuma betyela izenzo zabo. Bati nento eninzi yabo bazenza izenzo zokunyanga baqokelela incwadi zabo, bazitshisa ebusweni babo bonke: baza babala amanani azo, bafumana ukuba angamaqosha esilivere angamawaka amashumi mahlanu. Bekunjalo lakulayo ilizwi LENKOSI ngamandla, loyisa.