Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMSEBENZI WABATHUNYWA 19:1-20

UMSEBENZI WABATHUNYWA 19:1-20 XHO96

Ngexesha uApolo wayeseKorinte, uPawulos yena wacanda phakathi kuloo mimandla, waya kufika e-Efese. Apho wafumana iqela labalandeli bakaYohane, wababuza wathi: “Namamkela na uMoya oyiNgcwele ukuzinikela kwenu?” Baphendula bathi: “Asizange sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.” UPawulos wababuza wathi: “Phofu lubhaptizo luni enabhaptizwa ngalo?” Bona bathi: “Lubhaptizo lukaYohane.” UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.” Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo. Babengamadoda amalunga neshumi elinambini. Ngesithuba seenyanga ezintathu uPawulos wayesiya *endlwini yesikhungo yamaJuda, ethetha, exoxa nabo abantu ngesibindi, ezama ukuboyisela ekulawulweni nguThixo. Kodwa abanye babo baba neenkani, abavuma ukuzinikela, basuka bayingcikiva iNdlela yeNkosi esidlangalaleni. Ngoko ke uPawulos wabashiya, wathatha abalandeli bakaYesu, waza wafundisa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. Le nto ke wayiqhuba isithuba seminyaka emibini, bada bonke abantu ababehlala kwelo phondo laseAsiya, amaJuda kwanamaGrike, baliva ilizwi leNkosi. Amandla kaThixo âbonakala ngezinto ezingaqhelekanga ezazisenziwa nguPawulos. Neetshefu ezi kwaneefaskoti ezichukumise umzimba kaPawulos zazibaphilisa abagulayo, kude kuphume neendimoni. AmaJuda athile awayejikeleza ekhupha iindimoni, nawo akhe azama ukusebenzisa igama leNkosi uYesu. Ayesithi kwiindimoni: “Ndikuyala ngegama likaYesu, lo ushunyayelwa nguPawulos.” Aba babesenza le nto yayingoonyana abasixhenxe bombingeleli oyintloko womJuda owayenguSkeva igama. Kodwa indimoni yathi kubo: “Ndiyamazi uYesu, noPawulos ndiyamazi; nina ke ningoobani?” Ke kaloku indoda leyo yayinendimoni yabahlasela yabongamela, ibadlakazelisa kangangokuba baphuma apho kuloo ndlu bagqotsa bengxwelerhekile, neempahla zabo zivukuvuku. Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa. Amakholwa amaninzi azinikezela, ezivuma ezixela esidlangalaleni izinto azenzileyo. Uninzi lwâbo babesenza imilingo lwaziqokelela lwazitshisela esidlangalaleni iincwadi zalo. Bawabala bawadibanisa amaxabiso ezo ncwadi, bazifumana zikwisithuba samashumi amahlanu amawaka eerandi. Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.