iZenzo 17:16-34

iZenzo 17:16-34 CXB24

Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela. Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona. Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure nezamaStoyike zamquqela; Babesithi inxenye, Liya kuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo. Bamthabatha ke bamsa eAreyopago, besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na? Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singazi ngoko, ukuba zingaba zithetha ukuthini na ezi zinto. Kuba onke ama-Atene nabasemzini babechithachitha ixesha labo engenzi nto yimbi, ingekuxeleli nokuva entsha. Wema ke uPawulos esazulwini seAreta, wathi, Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ke ngoko nina nimnqula ningamazi, ndinazisa yena. uThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. Akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele nto, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. Kanti wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha amisiweyo ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zakowenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe. Siyinzala kaThixo nje ke, masingacingi ukuba ubuthixo bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. Loo maxesha ke oko kungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; Ngokuba umise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda ayimiseleyo; abanike isiqinisekiso bonke abantu ngokumvusa kwabafileyo. Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto. Wemka ke uPawulos phakathi kwabo. Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.