IZENZO 17:16-34
IZENZO 17:16-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi xa uPawulos wayesalinde uSilas noTimoti eAtene, wafumana umnqa kukubona indlela ezazizininzi ngayo izithixo kuloo dolophu. Waxoxa endlwini yesikhungo namaJuda kunye neentlanga ezazihlonela uThixo. Ngokukwanjalo wayexoxa nabantu ababegqitha-gqitha ebaleni lembutho. Nabathile abaziintanda-bulumko zeqela *lamaEpikure *namaStoyike babencokola naye. Bambi babesithi: “Ngaba lifuna ukuthini eli pholopholo?” abanye besithi: “Ngathi ngunozakuzaku *woothixo basemzini.” Babesitsho ke kuba uPawulos wayeshumayela ngoYesu nangovuko lwabafileyo. Baza ke bamthatha uPawulos, baya naye entlanganisweni, endaweni ekwakusithiwa yiAriyopago, bathi kuye: “Khawutsho! Sifuna ukuyazi le mfundiso intsha uthetha ngayo. Ezinye zezinto esikuva uthetha ngazo ziyasimangalisa, ngoko ke sifuna ukuyazi intsingiselo yazo.” Kaloku abantu baseAtene nabatyeleli bakhona kwakungekho nto babeyixabise ngaphezu kokuncokola okanye ukuphulaphula iingcamango ezintsha. UPawulos waphakama wema entlanganisweni apho eAriyopago, wathi: “Bantu baseAtene, ndiyaphawula ukuba ningabantu abaluthanda ngokuncamisayo unqulo. Kuthe xa bendihamba-hamba ndibuka iindawo zenu zonqulo, ndabona neqonga lamadini elibhaliweyo kwathiwa: ‘Kongaziwayo uThixo.’ Ngoko ke lowo nina nimnqula ningamazi, mna ndivakalisa yena kuni. UThixo lo udale ihlabathi nezinto ezikulo, uyiNkosi yezulu nomhlaba. Ngoko ke akahlali zindlwini zenziwe ngabantu, engaswele nto ngokokude abantu bazidube ngokumenzela nto. Kuba kaloku nguye ngokwakhe onika ubomi nomphefumlo, nazo zonke iimfuneko zoluntu lonke. Zonke iintlanga zabantu wazidala zaphuma mlibeni mnye, wazenza ukuba ziwume wonke umhlaba. Yena ngokwakhe kwangaphambili wazimisela amaxesha obomi, kunye nemida yokuhlala kwazo. Oku wakwenza ukuze zihlale zimzingela, hleze zimphuthaphuthe de zimfumane; nangona yena uThixo engekude kuthi sonke, kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’ Singabantwana bakhe nje ke, masingacingi ukuba imo kaThixo ifana nento eqingqwe ngegolide, ngesiliva, okanye ngelitye, ngobugcisa bomntu. UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi. Kaloku uwumisele umhla apho aya kuligweba ihlabathi lonke liphela ngobulungisa, ngeNdoda ayimiseleyo. Le nto uyingqine kubantu bonke ngokuyivusa loo Ndoda ekufeni.” Bathi bakumva uPawulos ethetha ngovuko lwabafileyo, bahlekisa ngaye. Bambi bathi: “Sisafuna ukuyiva kwakhona le ntetho yakho.” Waza ke uPawulos wemka apho entlanganisweni. Kambe abanye bazinikela, baza bamlandela. Phakathi kwabo kwakukho uDiyonisi, ilungu leAriyopago, nomfazi ogama linguDamari, kunye nabanye.
IZENZO 17:16-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela. Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona. Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure nezamaStoyike zamquqela; Babesithi inxenye, Liya kuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo. Bamthabatha ke bamsa eAreyopago, besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na? Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singazi ngoko, ukuba zingaba zithetha ukuthini na ezi zinto. Kuba onke ama-Atene nabasemzini babechithachitha ixesha labo engenzi nto yimbi, ingekuxeleli nokuva entsha. Wema ke uPawulos esazulwini seAreta, wathi, Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ke ngoko nina nimnqula ningamazi, ndinazisa yena. uThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. Akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele nto, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. Kanti wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha amisiweyo ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zakowenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe. Siyinzala kaThixo nje ke, masingacingi ukuba ubuthixo bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. Loo maxesha ke oko kungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; Ngokuba umise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda ayimiseleyo; abanike isiqinisekiso bonke abantu ngokumvusa kwabafileyo. Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto. Wemka ke uPawulos phakathi kwabo. Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.
IZENZO 17:16-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela. Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona. Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure• nezamaStoyike• zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo. Bamthabatha ke bamsa eAreyopago,• besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na? Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singázi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto. Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha. Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi: Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, KONGÀZIWAYO UTHIXO. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna. UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangáphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe. Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo. Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto. Waphuma njalo ke uPawulos phakathi kwabo. Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.

IZENZO 17:16-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku nxa u‐Paulusi ebebalinda e‐Atenesi, umoya wake ubucapukiswa pakati kwake, ebona isixeko ukuba sizele zizitixo. Ngako ke wabeteta endlwini yentlanganiso kuma‐Juda nakwababedeshayo, nasendaweni yentengo ngemihla yonke wabepikisana nabo bafumanana naye. Baza abafilosofe abatile bakwaba‐Epikure nabakwa‐Stoyike bapika naye. Babesiti ke inxenye: Singafun’ ukuti nina isitetateti esi? kodwa babesiti abanye: Unga ungumshumayeli wotixo basemzini; ngokuba ebeshumayela kubo u‐Yesu novuko lwabafileyo. Baza bamtabata nabo, bamsa kuyo indawo e‐kutiwa yi‐Aripago, besiti: Singaba sisazi na, lolwanina olufundiso olutsha olutetwa nguwe? ngokuba uzingenisa ezindlebeni zetu izinto ezitile ezimangalisayo: singa singazi ngoko, zingafun’ ukuti nina ezizinto. (Kekaloku bonke abase‐Atenesi, nabasemzini abebeṙanukele kona, bebedlulisa ixesha labo ngokuxela nangokupulapula indaba ezintsha kwapela.) Waza u‐Paulusi wema pakati kwayo indawo e‐kutiwa yi‐Aripago, wati: Madoda ase‐Atenesi! nditi ngendawo zonke ndibone okokuba nigqitisile ngokuhlonela otixo. Ngokuba ekudluleni, nasekugqaleni izibedeshelo zenu, ndafumana nesibingelo ebekuba̔liwe pezu kwaso ukuti: KONGAZIWAYO UTIXO. Oyena ngoko enimbedeshayo ningamazi, lo ndiyamshumayela kuni. UTIXO owenza ilizwe nento zonke ezikulo, lo, EYINKOSI yezulu nomhlaba nje, akahlali ezitempileni ezenziweyo ngezandla; akakonzwa zizandla zabantu kanjako, njengokungati ebeswela into, enguye ngokwake obapa bonke ubomi, nompefumlo, nento zonke; ote kanjalo wazenza ngegazi linye zonke intlanga zabantu, ukuba bahlale pezu kwobuso bonke bomhlaba, ebalule amaxesha amiselweyo pambili nemida yentlalo yabo; ukuze bafune INKOSI, ukuba ngaba bangati bayiputaputele bayifumane, nakuba ingekude kuti sonke; ngokuba kukuyo sihleli, sishukuma, sibako, njengokuba nentlabeli ezitile zakowenu zitshilo ukuti: Ngokuba siyinzalo yake nati. Ngako siyinzalo KATIXO nje, asifanele ukuti oku BUTIXO kunjengegolide, nesilivere, nelitye, into eziqingqiweyo ngobuncibi nangeqinga labantu. Lomaxesha okungazi ke UTIXO ewanyamezele nje, uti kaloku ayalele bonke abantu kuzo zonke indawo ukuba baguquke. Ngokokuba emisile umhla, okungawo uya kugweba ilizwe ngobulungisa, ngendoda ayibaluleyo, ebenzele bonke isiqiniso ngokuyivusa kwabafileyo. Kekaloku bakuva ngako ukuvuka kwabafileyo, abanye babehleka; kodwa abanye bati: Sobuya sikuve ngalendawo. Ngokunjalo ke wemka u‐Paulusi pakati kwabo. Kodwa amadoda atile anamatela kuye, akolwa; ekwako pakati kwawo u‐Diyonisi um‐Aripago, nomfazi ogama lingu‐Damarise, nabanye kunye nabo.