Ke kaloku, kwa-Antiyokwe kwakukho abaprofeti nabafundisi abathile ebandleni, njengoBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, noManayen owayondlwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule. Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula. Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; besuka khona apho ngomkhombe, baya eSipro. Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaJuda. BabenoYohane umlungiseleli wabo. Besigqibile ke isiqhithi, bada beza kufika ePafo, bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; owababizela kuye ooBharnabhas noSawule, efuna ukuliva ilizwi likaThixo. Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elukholweni. Waza uSawule, okwabizwa ngokuba nguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjongisa kuye, wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? Uyabona, uyabona, isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwaoko wawelwa yinkungu nobumnyama; wayejikeleza, efuna abangamrhola ngesandla. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi. Ke kaloku, bakunduluka ePafo, benduluka uPawulos neqela lakhe, beza ePerga yasePamfili. Wemka ke kubo uYohane, wabuyela eYerusalem. Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungo ngoMhla wokuPhumla, bahlala phantsi. Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani. Waphakama ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: “Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. uThixo waba bantu bakwaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo ezweni laseYiputa, wabakhupha kulo ngengalo ephakamileyo. Kwathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango. Wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane. Akuba ke emsusile, wabavelisela uDavide njengokumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam. Embewini yalo mntu uthe uThixo ngokwedinga wavelisela uSirayeli uMsindisi uYesu