IZENZO 13:1-23

IZENZO 13:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, kwa-Antiyokwe kwakukho abaprofeti nabafundisi abathile ebandleni, njengoBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, noManayen owayondlwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule. Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula. Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; besuka khona apho ngomkhombe, baya eSipro. Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaJuda. BabenoYohane umlungiseleli wabo. Besigqibile ke isiqhithi, bada beza kufika ePafo, bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; owababizela kuye ooBharnabhas noSawule, efuna ukuliva ilizwi likaThixo. Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elukholweni. Waza uSawule, okwabizwa ngokuba nguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjongisa kuye, wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? Uyabona, uyabona, isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwaoko wawelwa yinkungu nobumnyama; wayejikeleza, efuna abangamrhola ngesandla. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi. Ke kaloku, bakunduluka ePafo, benduluka uPawulos neqela lakhe, beza ePerga yasePamfili. Wemka ke kubo uYohane, wabuyela eYerusalem. Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungo ngoMhla wokuPhumla, bahlala phantsi. Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani. Waphakama ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: “Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. uThixo waba bantu bakwaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo ezweni laseYiputa, wabakhupha kulo ngengalo ephakamileyo. Kwathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango. Wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane. Akuba ke emsusile, wabavelisela uDavide njengokumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam. Embewini yalo mntu uthe uThixo ngokwedinga wavelisela uSirayeli uMsindisi uYesu

IZENZO 13:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule. Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.” Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula. Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro. Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini. Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli. Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo. Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni. Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo, wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki! Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.” Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo. Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi. UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem. Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi. Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.” Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe! UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa. Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango. Ikwanguye owazitshabalalisayo izizwe ezisixhenxe eKanana, waza loo mhlaba wawunika abantu bakhe amaSirayeli. Yonke loo nto yathatha isithuba esingangeminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu. “Emva koko wabanika iinkokheli, zabalawula kwada kwalixesha lomshumayeli uSamweli. Bakufuna ukumkani, wabanika uSawule unyana kaKishe, wesizwe sakwaBhenjamin, waza wabalawula iminyaka engamashumi amane. Akumsusa uSawule, uThixo wamisela uDavide wangukumkani. Nanga amazwi athethwa nguThixo ngoDavide: ‘Ndiphawule ukuba uDavide, unyana kaJese, ngulo mntu kanye ndimfunayo, umfo oya kwenza oko sukuba ndifuna kwenziwe.’ NguYesu lo mzukulwana kaDavide wenziwe uMsindisi wamaSirayeli nguThixo njengoko wathembisayo.

IZENZO 13:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, kwaye kukho kwa-Antiyokwe, ebandleni ebelikhona, abaprofeti nabafundisi abathile, abangooBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, kwanoManayen owondliwa noHerode umphathi wesahlulo sesiné, noSawule. Bakubon' ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. Bathe ke, bakuba bezilé ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula. Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; kanjalo besuka apho ngomkhombe, baya eSipro. Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaYuda. Baye ke benoYohane, ebancedisa. Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo. Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni. Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga, wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi. Ke kaloku, bakunduluka ngomkhombe ePafo abo babenoPawulos, beza ePerga yelasePamfili. Wahlukana ke nabo uYohane, wabuyela eYerusalem. Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi. Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani. Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo. Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mané, wayithwala imikhwa yabo entlango; wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mané anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mané. Akumkhupha yena, wabavelisela uDavide, wangukumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam. Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli

IZENZO 13:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule. Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.” Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula. Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro. Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini. Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli. Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo. Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni. Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo, wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki! Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.” Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo. Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi. UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem. Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi. Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.” Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe! UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa. Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango. Ikwanguye owazitshabalalisayo izizwe ezisixhenxe eKanana, waza loo mhlaba wawunika abantu bakhe amaSirayeli. Yonke loo nto yathatha isithuba esingangeminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu. “Emva koko wabanika iinkokheli, zabalawula kwada kwalixesha lomshumayeli uSamweli. Bakufuna ukumkani, wabanika uSawule unyana kaKishe, wesizwe sakwaBhenjamin, waza wabalawula iminyaka engamashumi amane. Akumsusa uSawule, uThixo wamisela uDavide wangukumkani. Nanga amazwi athethwa nguThixo ngoDavide: ‘Ndiphawule ukuba uDavide, unyana kaJese, ngulo mntu kanye ndimfunayo, umfo oya kwenza oko sukuba ndifuna kwenziwe.’ NguYesu lo mzukulwana kaDavide wenziwe uMsindisi wamaSirayeli nguThixo njengoko wathembisayo.

IZENZO 13:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, kwa-Antiyokwe kwakukho abaprofeti nabafundisi abathile ebandleni, njengoBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, noManayen owayondlwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule. Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula. Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; besuka khona apho ngomkhombe, baya eSipro. Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaJuda. BabenoYohane umlungiseleli wabo. Besigqibile ke isiqhithi, bada beza kufika ePafo, bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; owababizela kuye ooBharnabhas noSawule, efuna ukuliva ilizwi likaThixo. Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elukholweni. Waza uSawule, okwabizwa ngokuba nguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjongisa kuye, wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? Uyabona, uyabona, isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwaoko wawelwa yinkungu nobumnyama; wayejikeleza, efuna abangamrhola ngesandla. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi. Ke kaloku, bakunduluka ePafo, benduluka uPawulos neqela lakhe, beza ePerga yasePamfili. Wemka ke kubo uYohane, wabuyela eYerusalem. Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungo ngoMhla wokuPhumla, bahlala phantsi. Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani. Waphakama ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: “Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. uThixo waba bantu bakwaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo ezweni laseYiputa, wabakhupha kulo ngengalo ephakamileyo. Kwathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango. Wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane. Akuba ke emsusile, wabavelisela uDavide njengokumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam. Embewini yalo mntu uthe uThixo ngokwedinga wavelisela uSirayeli uMsindisi uYesu

IZENZO 13:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAYE kube kuko abatile e‐Antiyoki, eṙementeni yakona, abaprofite nabafundisi; kwa u‐Banabasi, no‐Simone, obebizwa ngo‐Nigere, no‐Lukusi wase‐Kirene, no‐Manahene, obesondliwa ndawonye no‐Herodi inkosi, no‐Saulusi. Kekaloku nxa bebesenza isikonzo KWINKOSI, bezila ukutya kanjalo, wati UMOYA OYINGCWELE: Ndahluleleni ke u‐Banabasi no‐Saulusi kulomsebenzi endibabizeleyo kuwo. Bandula bati, bakuba bezilile ukutya, betandazile nokutandaza, bebekile izandla pezu kwabo babandulula. Aba ke ngoko, betunyiwe NGUMOYA OYINGCWELE, behlela e‐Selusiya, besuka kona baselishela e‐Kiperusi. Bati bakuba bebefikile e‐Salamise, bashumayela ilizwi LIKATIXO ezindlwini zentlanganiso zama‐Juda: babe kanjalo beno‐Johane engumkonzi. Baza becandile isiqiti kwada kwase‐Pafosi, bafumana isanuse esitile, umprofite obuxoki, um‐Juda, ogama lalingu‐Bara‐yesu, esibe sinaye umgwebi welozwe, u‐Seregiyo Paulusi, umntu osisazi: yena lo ebabizile u‐Banabasi no‐Saulusi, wanxamela ukuva ilizwi LIKATIXO: kodwa u‐Elimasi, isanuse, (ngokuba linjalo igama lake ngokukunyushwa,) wamelana nabo, efuna ukumpambukisa umgwebi elukolweni. Waza u‐Saulusi, (obizwa nango‐Paulusi,) ezalisiwe NGUMOYA OYINGCWELE, wabeka amehlo pezu kwake, wati: Wena uzele yiyo yonke inkohliso nabubo bonke ubunginingini, mntwana ka‐Satane, lutshaba lwabo bonke ubulungisa! akuyi kupeza na ukupambukisa indlela ezilungileyo ZENKOSI? Nakaloku, bona ke, isandla SENKOSI sipezu kwako, wauya kuba yimfama, ungaboni ilanga kube mzuzu. Kwasekusiwa pezu kwake kwa oko ubunkungu nobumnyama; waza efumfutisela wafuna abantu bokumtundeza ngesandla. Wandula umgwebi akubona oko kwenzekileyo wakolwa, emangaliswa pezu kwofundiso LWENKOSI. Kekaloku nxa o‐Paulusi bandulukayo e‐Pafosi, beza e‐Perega yase‐Pamfiliya. Waza u‐Johane wemka kubo, wabuyela e‐Yerusaleme. Kodwa bona besukile e‐Perega bacanda ilizwe, bafika e‐Antiyoki yase‐Pisidiya, bangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, bahlala pantsi. Bati ke emveni kwokuleseshwa kwomteto nabaprofite abapati bendlu yentlanganiso batuma kubo, besiti: Madoda, bazalwana! ukuba ninalo ilizwi lokuyala ukuliteta ebantwini, tetani. Wasuka wema u‐Paulusi, wakoba ngesandla, wati: Madoda, bo‐Sirayeli, nani boyikayo UTIXO! pulapulani. UTIXO wababantu o‐Sirayeli wabaqasha obawo betu; nabantu abo wabapakamisa bakuhlala njengabasemzini ezweni le‐Jipete, wabaku̔pa kulo ngengalo epakamileyo. Wati ixesha langa layiminyaka emashumi mane wanyamezela imikwa yabo entlango. Waza ezici̔tile intlanga ezisixe̔nxe ezweni le‐Kanane, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. Nasemveni kwoku wabanika abagwebi iminyaka yanga yamakulu mane anamashumi mahlanu, kwada kwako u‐Samyali umprofite. Bati kamva bacela ukumkani; waza UTIXO wabanika u‐Saule unyana ka‐Kishe, indoda yakwisizwe sika‐Benjamine, iminyaka yamashumi mane. Waza emshenxisile yena, wabavusela u‐Davide abe ngukumkani; owamnqi̔nelayo kanjalo, wati: Ndimfumene u‐Davide unyana ka‐Jese, indoda njengokweyam intliziyo, oya kukwenza konke ukutanda kwam. Kwinzalo yaló UTIXO njengokwesibambiso wavusela o‐Sirayeli umsindisi, u‐Yesu