Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 1:12-26

iZenzo 1:12-26 CXB24

Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi neYerusalem, uhambo lwesabatha. Bakuba bengenile, banyukela kwigumbi eliphezulu, apho kwakuhlala uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon Zelote, uYuda, umzalwana kaYakobi. Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe. Ngaloo mihla wema uPetros phakathi kwabafundi, wathi, (inani lamagama xa lihlangene lingathi lilikhulu elinamanci mabini); Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli wabo bambambayo uYesu; ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo. Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wawa ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe. Kwazeka oko kubo bonke abemi baseYerusalem; wada loo mhlaba ngeyabo intetho kuthiwe yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi. Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye. Kungoko athe, kula madoda abehamba nathi ngalo lonke ixesha, yakuba iNkosi uYesu ibingena iphuma phakathi kwethu, iqalele elubhaptizweni lukaYohane, kwada kwayimini awanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho ongomnye, eya kuba lingqina lokuvuka kwakhe, kunye nathi. Bamisa ababini, uYosefu ogama linguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya. Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, wena uzaziyo iintliziyo zabantu bonke, bonisa ukuba ngaba babini umnyulileyo; ukuze asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo. Bawisa amaqashiso abo; laphuma iqashiso noMatiya; wabalelwa kwabapostile abalishumi elinamnye.