Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:12-26

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:12-26 XHO96

Baza babuyela eJerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyeMinquma, ekufuphi neJerusalem umgama omalunga nekhilomitha enye. Bakungena esixekweni, banyukela egumbini eliphezulu, apho babehlala khona. YayinguPetros, noYohane, noYakobi, noAndreya; uFilipu noTomas; uBhartolomeyu noMatewu; uYakobi unyana ka-Alifeyu, noSimon iTsha-ntliziyo, kwakunye noJudas unyana kaYakobi. Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu. Ngaloo mihla xa babehlangene ndawonye abakholwayo bemalunga nekhulu elinamashumi amabini bebonke, waphakama uPetros, wathi: “Madoda, mawethu, bekufanelekile ukuba kuzaliseke okwathethwa nguMoya oyiNgcwele, esebenzisa uDavide ukuxela okuya kwenzeka kuJudas, lowo wabakhokelela kuYesu abo bambambayo. UJudas lo ebengomnye wethu, enenxaxheba kulo msebenzi sikuwo.” ( Kaloku le ndoda yathenga umhlaba ngaloo mali yayifumana ngenkohlakalo. Yawa ngesisu, sagqabhuka, zaphalala izibilini kuloo ndawo. Le ntlekele yaduma kulo lonke elaseJerusalem; baza bayithiya igama loo ndawo, bathi yiAkeldama ngolwini lwabo, igama elithetha umhlaba wegazi.) “Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa: “ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe; makungahlali nabani kuwo.’ “Kwakhona kuthiwa: “ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’ “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.” Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya. Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele kwisikhundla sokukukhonza *ingumthunywa, eso satyeshelwa nguJudas ukuze aye kuloo ndawo imfaneleyo.” Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.