KuTimoti 2 2:14-26

KuTimoti 2 2:14-26 CXB24

Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi okungancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebénzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto; abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho; silubhukuqa ukholo lwenxenye. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, iNkosi iyabazi abangabayo. Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu. Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. Ukuba ke umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. Ke zibaleke iinkanuko zobutsha, phuthuma ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. Ke umkhonzi weNkosi akamele kusukuzana; kodwa abe nokuthantamisa kubo bonke, enokufundisa, enomonde; Uyabaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba mhlawumbi uThixo angabanika inguquko esa ekuyazini inyaniso; babuye baqabuke, baphume emgibeni kaMtyholi, ababanjiswe nguye ekuthandeni kwakhe.