KUTIMOTI II 2:14-26
KUTIMOTI II 2:14-26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungènziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu. Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.
KUTIMOTI II 2:14-26 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli. Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso. Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo. Ngokunjalo nemfundiso yabo inwenwa okwesilonda esibhidlayo. Banjalo ooHimeniyo noFileto. Bayiphosile inyaniso, futhi bawawisile amanye amakholwa, besithi uvuko lwabafileyo selufikile. Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.” Uyabona ke, endlwini enkulu kubakho iindidi ngeendidi zezitya: ezinye zezegolide, ezinye zezesiliva, zimbi zezomthi, ezinye zezodongwe; ezinye zazo zixabisekile, kanti ke ezinye azixabisekanga. Ukuba umntu uyazikhwebula ekungcoleni abe nyulu, uya kuxabiseka, iNkosi yakhe ibe nako ukumsebenzisa nakuwuphi na umsebenzi omhle. Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi. Sukuthatha nxaxheba kwiingxoxo ezilambathayo zobudenge! Kaloku zona isiphelo sazo yingxabano. Isicaka seNkosi asifanele kulwa, koko sifanele ukuba nobubele kubantu bonke. Sifanele ukuba nemfundiso, sinomonde, sithantamise xa siluleka abo bachasayo. Kaloku iNkosi isenokubapha inguquko, bayiqonde inyaniso, baze babuyele ezingqondweni, benze intando kaThixo, basiphephe isabatha abebebanjiswe ngaso ngumtyholi.
KUTIMOTI II 2:14-26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi okungancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebénzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto; abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho; silubhukuqa ukholo lwenxenye. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, iNkosi iyabazi abangabayo. Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu. Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. Ukuba ke umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. Ke zibaleke iinkanuko zobutsha, phuthuma ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. Ke umkhonzi weNkosi akamele kusukuzana; kodwa abe nokuthantamisa kubo bonke, enokufundisa, enomonde; Uyabaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba mhlawumbi uThixo angabanika inguquko esa ekuyazini inyaniso; babuye baqabuke, baphume emgibeni kaMtyholi, ababanjiswe nguye ekuthandeni kwakhe.
KUTIMOTI II 2:14-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bakumbuze ezizinto, ubayala kunene nje pambi KWENKOSI ukuba bangapikisani ngamazwi, okungenakunceda nganto, kube kukweyeliselwa kwabevayo. Nxamela ukuzimisa KUTIXO ubukiwe, ungumsebenzi ongadanele nto, ulungisa ukwaneka ilizwi lenyaniso. Kodwa ukubadaza okungengcwele kunxweme: ngokuba beya kuhambisa ngento enkulu ngakumbi ekungabedeshini; nelizwi labo liya kudla njengesiboliso: abangabakubo ngu‐Himeneyo no‐Fileto, abate ngayo inyaniso baposisa, besiti ukuvuka kwabafileyo sekuhlile kade, bewisa ukolo lwenxenye kanjalo. Noko ke umsekelo ote nqi KATIXO umi, unaso isincamatiselo esi: INKOSI iyabazi abangabayo: nakanjako: Mabemke kokungalungileyo bonke abalikankanyayo igama lika‐Kristu. Kodwa endlwini enkulu aziko impahla zegolide nezesilivere zodwa, ziko ezemiti nezodongwe nazo; ezinye ke zibe zezinokubekwa, nezinye zibe zezingenakubekwa. Xeshekweni ngoko umntu azihlambululayo kwezi, uya kuba yimpahla yokubekwa, yenziwe ngcwele, nenokunceda kunene kumninindlu, ilungiselwe yonke imisebenzi elungileyo. Kodwa inkanuko zobutsha zibaleke; uze uputume ubulungisa, ukolo, utando, uxolano nabo babizayo KWINKOSI ngentliziyo ecocekileyo. Kodwa imibuzo ebudenge ebadamekileyo yale, usazi nje ukuba iyazivelisa impikiswano. Kanjalo isicaka SENKOSI asifanele ukupika; koko sifanele ukuti sibe sinokutamba ngakubo bonke, silungele ukufundisa, sinyamezela ububi, sibaluleka ngolulamo abo babambanayo naso: ukuba umhlaumbi UTIXO angabanika uguquko kube kukwaziwa kwenyaniso, baze babuye bavuke emgibeni ka‐Satane, bebanjiwe nje nguye ukwenza intando yake.