KwabaseTesalonika 2 KwabaseTesalonika 2 – 3

KwabaseTesalonika 2 – 3
1Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhululeke, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni; 2nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke. 3Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo. 4Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza. 5Yayingathi iNkosi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, nasekunyamezeleni uKrestu. 6Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi. 7Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu; 8Kuba asidlanga sonka samntu ngelize; sisebenza nzima nangemigudu ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni; 9kungekuba singenagunya; senzela ukuba sibe ngumzekelo kuni, ukuze nisilandele. 10Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla. 11Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye. 12Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka. 13Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo. 14Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane. 15Noko ke musani ukumgqala njengotshaba; 16Yaye ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. iNkosi ibe nani nonke. 17Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala. 18Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. Amen. (Incwadi yesibini eya kwabaseTesalonika yabhalwa eAtene.)

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena