KwabaseTesalonika 2 KwabaseTesalonika 2 – 2
KwabaseTesalonika 2 – 2
1Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nangokuhlanganiselwa kwethu kuyo, 2ukuze ningazanyazanyiswa kwamsinya, nahlukane nengqiqo; 3Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke loo mntu wesono, unyana wentshabalalo; 4Lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo; ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguye uThixo. 5Anikhumbuli na ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto? 6Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha. 7Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; 8Uya kutyhileka ke lowo ungendawo, eya kuthi iNkosi imtshabalalise ngomoya womlomo wayo, imbhangise ngokubonakala kokufika kwayo; 9Lowo ukufika kwakhe kungokokusebenza kukaSathana, ngayo yonke imisebenzi yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, 10nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe. 11Ngenxa yoko uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki; 12ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi. 13Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso; 14awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu. 15Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu. 16Ke kaloku iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, ngobabalo wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo; 17Wazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.
Currently Selected:
KwabaseTesalonika 2 KwabaseTesalonika 2 – 2: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.