singabakhubekisi nanye into, ukuze ubulungiseleli bungabi nakubekwa bala; sithi ke, ezintweni zonke sibonakalalisa njengabalungiseleli bakaThixo, sinokuzeka kade umsindo, sibandezelekile, sisezingxalweni, sibandezelekile; Ngokuba ngemivumbo, ngokuba sezintolongweni, nasezidubedukeni, ngokubulaleka, ekuphandeni, ngokuzila ukudla; ngobunyulu, ngolwazi, ukuzeka kade umsindo, ngobubele, ngoMoya oyiNgcwele, naseluthandweni olungenaluhanahaniso, Ngelizwi lenyaniso, ngamandla kaThixo, ngesikrweqe sobulungisa ngasekunene nangasekhohlo; sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; njengabakhohlisi, ukanti siyinyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti saziwa kakuhle; ngathi singabafileyo, nanku sidla ubomi; singabohlwaywa, singabulawa; ngathi sibuhlungu, ukanti sihlala sivuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi; ngokungathi singenanto, ukanti sinezinto zonke. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. Anibandezanga nto kuthi, nibandezelekile ezibilini zenu. Umbuyekezo ke lowo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasabelo sini na ke okholwayo kunye nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; kwaye ndiya kunamkela; Ndiya kuba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.