KWABASEKORINTE II 6:3-18
KWABASEKORINTE II 6:3-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala; sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo, sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo, sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singàbulawa noko; ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuní na ke uKristu noBheliyali?• Unasahlulelwano siní na okholwayo nongakholwayo? Inakudibana kuní na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; (UIsaya 52:11) Ndandiya kunamkela, Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla. (UYer. 31:19)

KWABASEKORINTE II 6:3-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na. Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi: noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi. Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo; ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi. Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso; ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko; nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni. Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum! Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama? Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo? Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi: “Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam, ndihlale phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam ke bona.” Ngokunjalo iNkosi ithi: “ ‘Phumani phakathi kwabo, nahlukane nabo. Musani ukuyichukumisa into engcolileyo. Mna ndiya kunamkela. Ndoba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi zam,’ itsho iNkosi uSomandla.”
KWABASEKORINTE II 6:3-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
singabakhubekisi nanye into, ukuze ubulungiseleli bungabi nakubekwa bala; sithi ke, ezintweni zonke sibonakalalisa njengabalungiseleli bakaThixo, sinokuzeka kade umsindo, sibandezelekile, sisezingxalweni, sibandezelekile; Ngokuba ngemivumbo, ngokuba sezintolongweni, nasezidubedukeni, ngokubulaleka, ekuphandeni, ngokuzila ukudla; ngobunyulu, ngolwazi, ukuzeka kade umsindo, ngobubele, ngoMoya oyiNgcwele, naseluthandweni olungenaluhanahaniso, Ngelizwi lenyaniso, ngamandla kaThixo, ngesikrweqe sobulungisa ngasekunene nangasekhohlo; sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; njengabakhohlisi, ukanti siyinyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti saziwa kakuhle; ngathi singabafileyo, nanku sidla ubomi; singabohlwaywa, singabulawa; ngathi sibuhlungu, ukanti sihlala sivuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi; ngokungathi singenanto, ukanti sinezinto zonke. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. Anibandezanga nto kuthi, nibandezelekile ezibilini zenu. Umbuyekezo ke lowo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasabelo sini na ke okholwayo kunye nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; kwaye ndiya kunamkela; Ndiya kuba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.
KWABASEKORINTE II 6:3-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Singaniki tuba lokuxakanisa nje nganye into, ukuze singeyiwa isikonzo: koko sizibonakalisa ezintweni zonke njengokuba singabakonzi BAKATIXO, emondeni omninzi, ezimbandezelweni, ezitukutezini, ezixingweni, ezibetweni, ezintolongweni, ezimpitimpitini, emizanyweni, ezimpapanyweni, ezinzilweni; ebucocweni, ekwazini, ekuzekeni kade, ebubeleni, KUMOYA OYINGCWELE, elutandweni olungazenzisiyo, elizwini lenyaniso, emandleni KATIXO, ngezixo̔bo zobulungisa ngasekunene nangasekohlo, ngembeko nangehlazo, ngodumo olubi nangodumo oluhle: njengabakohlisi, singabenyaniso noko; njengabangaziwayo, besaziwa kakulu noko; njengababubayo, kanti, bona ke, sihleli; njengabohlwayiwayo, singafiswa noko; njengabalusizi, kodwa sivuya ngamaxesha onke; njengababuhlwempu, kodwa sityebisa abaninzi; njengabangenanto, sifuya izinto zonke noko. Umlomo wetu uvulekile ngakuni, ma‐Korinte! intliziyo yetu yandisekile. Anixingekile kuti, kodwa nixingekile kuwo umbilini wenu. Kekaloku ukubuyekeza into ekwa yiyo, (ndiyateta njengakubo abantwana bam,) yibani nandisekile nani. Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama? no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo? netempile KATIXO inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile KATIXO ohleliyo; njengokuba etshilo UTIXO ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu kum. Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho UYEHOVA, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho UYEHOVA usomandla.