Singaniki tuba lokuxakanisa nje nganye into, ukuze singeyiwa isikonzo: koko sizibonakalisa ezintweni zonke njengokuba singabakonzi BAKATIXO, emondeni omninzi, ezimbandezelweni, ezitukutezini, ezixingweni, ezibetweni, ezintolongweni, ezimpitimpitini, emizanyweni, ezimpapanyweni, ezinzilweni; ebucocweni, ekwazini, ekuzekeni kade, ebubeleni, KUMOYA OYINGCWELE, elutandweni olungazenzisiyo, elizwini lenyaniso, emandleni KATIXO, ngezixo̔bo zobulungisa ngasekunene nangasekohlo, ngembeko nangehlazo, ngodumo olubi nangodumo oluhle: njengabakohlisi, singabenyaniso noko; njengabangaziwayo, besaziwa kakulu noko; njengababubayo, kanti, bona ke, sihleli; njengabohlwayiwayo, singafiswa noko; njengabalusizi, kodwa sivuya ngamaxesha onke; njengababuhlwempu, kodwa sityebisa abaninzi; njengabangenanto, sifuya izinto zonke noko.
Umlomo wetu uvulekile ngakuni, ma‐Korinte! intliziyo yetu yandisekile. Anixingekile kuti, kodwa nixingekile kuwo umbilini wenu. Kekaloku ukubuyekeza into ekwa yiyo, (ndiyateta njengakubo abantwana bam,) yibani nandisekile nani.
Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama? no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo? netempile KATIXO inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile KATIXO ohleliyo; njengokuba etshilo UTIXO ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu kum. Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho UYEHOVA, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho UYEHOVA usomandla.