KuTimoti 1 6:1-21

KuTimoti 1 6:1-21 CXB24

Onke ke amakhoboka aphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa. Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; kanye ke bakhonze, ngenxa yokuba bethembekile, beziintanda, babelana ngenzuzo. Bafundise ezi zinto, uvuselele. Ukuba nabani na ufundisa enye into, kwaye engavumelani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, kunye nemfundiso engokobuthixo; unekratshi, engazi nto; Iimpikiswano ezigwenxa zabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukuzuzela inzuzo embi. Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu. Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kananjalo asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masaneliswe zezo zinto. Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolukileyo, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi. Ke wena, mntu kaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, umonde, ubulali. Yilwa umlo omhle wokholo, bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa kubo, waza wenza uvumo lwasesidlangalaleni oluhle phambi kwamangqina amaninzi. Ndiyakuthethela phambi koThixo lowo uzidlisa ubomi zonke izinto, naphambi koYesu Krestu, owangqina uvumo lwesivumo esihle phambi koPontiyo Pilato, ukuba uwugcine lo mthetho, ungabi nabala, ungabi nakusoleka, ide ifike iNkosi yethu uYesu Kristu; aya kubonakaliswa ngamaxesha akhe, lo ungowokuphela kwakhe onegunya, uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi; okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni, ekungekho namnye unako ukusondela kuye; ekungekho namnye wakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade. Amen. Bathethele abazizityebi kweli hlabathi ukuba bangaphakami, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo, mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu zonke izinto ngokobutyebi, ukuba zidliwe; benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade. Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingento, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zemfundo leyo, kubizwa ngokuba kuxokwa; abasuke abathile bethe banako, baluphosa ukholo. Ubabalo malube nawe. Amen. (Eyokuqala eya kuTimoti yabhalwa eLawodike, eyona dolophu inkulu eFrigiya Pacatiana.)