KuTimoti 1 2:1-4

KuTimoti 1 2:1-4 CXB24

Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; Ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni; ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke. Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.