KUTIMOTI I 2:1-4

KUTIMOTI I 2:1-4 XHO75

Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke. Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.