Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KaPetros 1 2:4-25

KaPetros 1 2:4-25 CXB24

Lowo usiza kuye njengelitye eliphilileyo, elicekiswe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabileyo; Nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa amadini angoMoya, awakholekileyo kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Ilitye ke lokuwisa, iliwa lesikhubekiso, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo; ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yeNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. Kuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda; nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo. Bekani bonke abantu. Thandani abazalwana. Yoyika uThixo. Beka ukumkani. Nina bakhonzi, bathobeleni ninako konke ukoyika iinkosi zenu; ingabi kwabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyathandeka kuThixo. Nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; owathi, etshabhiswa, akaphindi atshabhise; Uthe esiva ubunzima, akasongela; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngobulungisa; Owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; Kuba beninjengezimvu zilahlekile; kodwa ngoku nibuyele kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.