KAPETROS I 2:4-25
KAPETROS I 2:4-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa línyuliwe nguThixo, línqabile: nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. (UIsaya 28:16) Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, (INdum. 118:22) kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona. Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba níthi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintswelikuqonda; nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo. Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni. Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. Kuba kuya kuba ludumo luní na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo. Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa; owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
KAPETROS I 2:4-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo. Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku iziBhalo zithi: “Ndikhethe ilitye elixabisekileyo. Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon. Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.” Kuni, nina bazinikeleyo, eli litye lixabisekile, kodwa kwabo bangakholwayo: “Kanye elo litye bâlideláyo abakhi suke laba lelona libalulekileyo lesiseko.” Lona: “Lilitye elikhubekisayo, ulwalwa olutyibilikisayo.” Kaloku bayakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi; phofu ke bamiselwe loo nto kakade. Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo. Ngoku nilusapho lukaThixo, nangona nanikade ningelulo; benikade nikude nenceba yakhe, kodwa ngoku niyifumene. Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu. Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe. Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya akhoyo. Ukumkani mthobeleni njengowongamileyo, nerhuluneli njengomphathiswa wakhe wokohlwaya abonayo, ancome abo balungisayo. Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa. Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo. Hloniphani wonke umntu; wathandeni amakholwa, nimoyike uThixo, nimthobele osemagunyeni. Nina zicaka, bahlonipheni abo baniqeshileyo, nibathobele kangangoko. Le nto ke sanukuyenza kwabo banobubele nobuntu kuphela, koko yenzeni nakwabo bakhohlakeleyo. Kaloku uThixo uyamthamsanqelisa umntu onyamezela ingcinezelo engonanga, kuba elangazelela okuthandwa nguThixo. Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe. Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe. Yena zange one, engazange wakhohlisa. Naxa wayengcikivwa wayengaphindisi angcikive. Ngexesha lokuphatheka kabuhlungu akazange aqalekise, koko imeko yakhe wayinikela kulowo ugweba ngobulungisa. Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe. Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.
KAPETROS I 2:4-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lowo usiza kuye njengelitye eliphilileyo, elicekiswe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabileyo; Nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa amadini angoMoya, awakholekileyo kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Ilitye ke lokuwisa, iliwa lesikhubekiso, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo; ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yeNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. Kuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda; nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo. Bekani bonke abantu. Thandani abazalwana. Yoyika uThixo. Beka ukumkani. Nina bakhonzi, bathobeleni ninako konke ukoyika iinkosi zenu; ingabi kwabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyathandeka kuThixo. Nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; owathi, etshabhiswa, akaphindi atshabhise; Uthe esiva ubunzima, akasongela; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngobulungisa; Owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; Kuba beninjengezimvu zilahlekile; kodwa ngoku nibuyele kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
KAPETROS I 2:4-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Eniti, nisondela kuyo, njengakulo ilitye elipilileyo, lilahliwe okunene ngabantu, kodwa pambi KWOTIXO linyuliwe, linqabile, kwa nani, njengamatye apilileyo, nakiwe niyindlu ebumoya, nibubuperisite obuyingcwele, kuze kunikelwe amadini abumoya, ekolekile kakuhle KUTIXO ngaye u‐Yesu Kristu. Ngoko kanjako kuko indawo esiba̔lweni yokuti: Bona ke, ndiyabeka e‐Ziyone ilitye eliyintloko yegumbi, linyuliwe, linqabile: kanjalo okolwayo kulo akasayi kudaniswa. Kukokwenu ngoko oko kunqabileyo, nina nikolwayo; kodwa abangevayo kukokwabo oko kutiwa: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi, nelitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa; kwa kubo abaku̔bekayo bengaliva nje ilizwi; abebemiselwa kona kanjako. Kodwa nina nisisizukulwana esinyuliweyo, nibubuperisite obubukumkani, nisisizwe esingcwele, ningabantu abayimfuyo etengiweyo; ukuze nibalise izinto zamandla zalowo wanibizayo nipume ebumnyameni ningene ekukanyeni kwake okungummangaliso: nina enibe nifudula ningengabantu, kodwa kaloku ningabantu BAKATIXO; enibe ningafumananga ububele, kodwa kaloku nifumene ububele. BATANDWA! ndiyaniyala njengabapamkukeli nabaṙanukeli, ukuba nizile inkanuko zasenyameni, ezilwayo ngakuwo umpefumlo; ninako ukumila kwenu nje pakati kwabo abaheyideni kufanelekile; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, bati ngezenzo zenu ezifanelekileyo bakuzibonela badumise UTIXO emhleni wokunonelelwa kwabo. Lulamelani ngoko kuzo zonke izidalelwa zasebantwini, ngenxa yayo INKOSI: nokuba kube kukumkani, njengakopezulu; nokuba kube sezinkosini, njengakubo abatunyiweyo nguye kube kukwohlwaywa kwabenzi bokukohlakeleyo, nokunconywa kwabenzi bokulungileyo. Ngokuba injalo intando KATIXO, ukuba niti ngokwenza okulungileyo nikuti cwaka ukungazi kwabantu abazizidenge: njengabakululekileyo, kanti ningenako ukukululeka kwenu njengesigubungelo sobumenemene, koko ninako njengamakonza KATIXO. Bekani abantu bonke. Tandani ubuzalwana. Yoyikani UTIXO. Bekani ukumkani. Nina zicaka! lulamelani kuzo inkosi zenu ngokuhlonela konke; kungabi kuzo ezilungileyo nezitambileyo zodwa, kube nakuzo ezigwenxa. Ngokuba oku kuyinto enokubukwa, ukuba umntu ngenxa yokwazela UTIXO uyazinyamezela intsizi, niziva nje ngokupatwa ngokungalungileyo. Ngokuba ludumo lunina, ukuba niya kuti, nxa nisona nandul’ ukubetwa, ninyamezele? Koko ukuba niya kuti, nxa nisenza okulungileyo nandul’ ukuva intlungu, ninyamezele, oku kuyinto enokubukwa pambi KWOTIXO. Ngokuba nibizelwe kwa oku: kuba no‐Kristu esivele tina intlungu, esishiyela umlinganiso, ukuze nilandele emikondweni yake: ongenzanga sono, nekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wake: obesiti akutukwa akapindezela ngokutuka; akuva intlungu akasongela; kodwa wazilahlela kulowo ugwebayo ngokulungileyo: owati izono zetu yena ngokwake wazitwala emzimbeni wake pezu kwomti, ukuze siti, sifile nje ngakuzo izono, sibe sisidla ubomi ngakubo ubulungisa: okungayo imivimbo yake napiliswa. Ngokuba nibe ninjengegusha ezilahlekayo; koko kaloku nibuyele kuye umalusi nomlindi wemipefumlo yenu.