Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KaYohane 1 3:1-24

KaYohane 1 3:1-24 CXB24

Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu. Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho, kuba isono sikukwaphula umthetho. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye. Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazi nokumazi. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wona kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono; ngokuba imbewu yakhe ihleli kuye; kanjalo akanakona, ngokuba ezelwe nguThixo. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane; singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Yini na ukuba ambulale? Ngokuba eyakhe imisebenzi ibingendawo, ke yona eyomninawa ibinobulungisa. Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile. Siyazi ke ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso. Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu. Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe? Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; kodwa ngezenzo nangenyaniso. Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe. Kaloku ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke. Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo; nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe. Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho. Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kuye. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.