KwabaseKorinte 1 2:6-16

KwabaseKorinte 1 2:6-16 CXB24

Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo; kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko. Kodwa njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo. uThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo. Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuThixo; ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo. Esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele; sithelekisa izinto zoMoya nezoMoya. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu. Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Ke thina sinayo ingqiqo kaKristu.