Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela; Kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya; yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo nto, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesazela somnye? Kaloku ukuba mna ndidlelana ngobabalo, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna? Ke ngoko, nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. Musani ukuba sisikhubekiso nakumaYuda, nakumaGrike, nakuwo ibandla likaThixo; njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.
Funda KwabaseKorinte 1 10
Share
Compare All Versions: KwabaseKorinte 1 10:23-33
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos