KWABASEKORINTE I 10:23-33
KWABASEKORINTE I 10:23-33 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke. Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye. Ningatya nantoni na eniyithenge esilarheni, ningazidubanga ngakuziphengulula sazela ngemibuzo, kuba, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Ihlabathi leleNkosi nako konke okukulo.” Ukuba nimenywa ngumntu ongelokholwa, nize isimemo eso nisamkele, yityani into ebekwe phambi kwenu, ningazidubi ngokuphengulula isazela ngemibuzo. Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela. Anditsho esenu, ndixela esakhe. “Ke, ingathini inkululeko endinayo yokuzikhethela into emandiyenze ukulawulwa sisazela somnye umntu?” Ubani angabuza atsho, aqhube ngelithi: “Ukuba ndiyambulela uThixo ngesabelo sam esidlweni, ndisagxekelwani ngokutya endimbulela ngako uThixo?” Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo. Ziphatheni ngohlobo lokuba ningaphazamisi bani, nokuba ngumJuda, nokuba ngumGrike, nokuba ngowebandla likaThixo. Xelisani mna, mna ndizama ukwanelisa wonke ubani ngento endiyenzayo. Andenzeli kulungelwa kwam phofu, koko ukulungelwa komntu wonke, ukuze bonke basindiswe.
KWABASEKORINTE I 10:23-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye. Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela? Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna? Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo; njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.
KWABASEKORINTE I 10:23-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela; Kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya; yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo nto, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesazela somnye? Kaloku ukuba mna ndidlelana ngobabalo, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna? Ke ngoko, nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. Musani ukuba sisikhubekiso nakumaYuda, nakumaGrike, nakuwo ibandla likaThixo; njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.

KWABASEKORINTE I 10:23-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezindilungeleyo: zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezimisayo. Makungabiko namnye ofuna okwake, mabati bonke ngabanye bafune okwomnye. Konke okutengiswayo endaweni yokutengela inyama kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso: ngokuba umhlaba ngo KAYEHOVA, nokuzala kwawo. Ukuba ke owakubo abangakoliweyo uyanibiza, niti nina nitande ukuya, konke okubekwayo pambi kwenu kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso. Kodwa xeshekweni kuko oti kuni: Yinto ebingelweyo isitixo le; ningatyi ke, ngenxa yalowo waxelayo, nangenxa yesazeliso: ngokuba umhlaba ngo KAYEHOVA, nokuzala kwawo: nditi ke ngenxa yesazeliso, singesesako nje, sisesalomnye; ngokuba kuyinina ukuba inkululeko yam igwetywe sisazeliso esingesesam? Ukuba ke mna ngofefe ndiyamkela kuko, yinina ukuba ndigxekwe ngenxa yoko ndibulela kona? Ngako nokuba niyatya, nokuba niyasela, nokuba niyenza enye into, konke kwenzeleni ubungcwalisa BUKATIXO. Yibani ningenzi ngokuku̔bekisa, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike, nakuyo iṙemente KATIXO: kwa njengokuba nam ndibakolisa bonke kuko konke, ndingafuni nje okwam ukuncedwa, koko okwabo abaninzi, ukuze basindiswe.