Incwadi ka‐Paulusi ku‐Titusi 2

2
1WENA kodwa teta ezonto zifaneleyo ufundiso olunobomi: 2ukuba amaxego abe zinca̔tu, enokuzibeka, enobutelekelelo, epilile elukolweni, elutandweni, emondeni: 3ukuba ngokunjalo amaxegokazi ati ekumileni abe njengokufanele ubungcwele, engengabancetezi, engengamakonza kwiveyine eninzi, engabafundisi bokulungileyo; 4ukuze aluleke abafazi abatsha batande amadoda abo, batande abantwana babo, 5babe nobutelekelelo, babe becokisekile, babe ngabahlala endlwini, babe belungile, babe belulamela kwawabo amadoda, ukuze ilizwi likatixo lingagxekwa.
6Ngokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba enze ngokutelekelela: 7uzibonakalisa ngokwako nje ngento zonke ukuba ngumlinganiselo wemisebenzi elungileyo; ubonakalisa ekufundiseni kwako okungonakaliswayo, ukuzibeka, 8ukuteta okunobomi okungenakugwetywa, ukuze oca̔sayo enzelwe intloni, engenanto embi yokuteta ngani.
9Amakonza wayale ukuba alulamele kwezawo inkosi, abe ezintweni zonke ekolekile kuzo, engapiki, 10engashinti, koko ebonakalisa yonke inyaniseko elungileyo; ukuze aluhombe ufundiso lwomsindisi wetu utixo ezintweni zonke.
11Ngokuba lubonakele ufefe lukatixo oluzisa usindiso kubo bonke abantu, 12lusifundisa ukuba siti, sikanyele nje ukungabedeshi nenkanuko zasemhlabeni, sihlale ngobutelekelelo nangobulungisa nangobubedesho kwelilizwe lakaloku nje; 13silinda itemba elibutamsanqa nokubonakala kwobungcwalisa bake utixo omkulu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu, 14owazinikela tina, ukuze asikulule kuko konke ukukohlakala, azihlambululele abantu abangabake kanye, bezondelele imisebenzi elungileyo. 15Teta ezizinto, uyale, wohlwaye ngamandla onke. Makungabiko mntu okudelayo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena