Incwadi ka‐Paulusi ku‐Titusi 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, isicaka sikatixo, nompostile ka‐Yesu Kristu, ngokwokolo lwabaqashwa bakatixo nokwaziwa kwenyaniso eyelelana nobubedesho, 2etembeni lobomi obungunapakade, owayete utixo ongenakuxoka wabubekela ngedinga engekabiko onke amaxesha akudala, 3kodwa walibonakalisa kwawake amaxesha ilizwi lake ngentshumayelo, endapatiswa yona ngokwomyolelo womsindisi wetu utixo; 4kuye u‐Titusi, owam umntwana wenyaniso ngokwokolo olulolwabo bonke: Ufefe, ububele, noxolo, luvela kuye utixo uyise, nenkosi u‐Yesu Kristu umsindisi wetu.
5Ngenxa yalendawo ndakushiya e‐Kirete, ukuba uhambise ukuzilungisa ezonto zisaswelekileyo, ubamise abadala kuzo zonke izixeko, njengoko ndakuyalelayo: 6ukuba kuko onganikwa tyala lanto, eyindoda yomfazi mnye, enabantwana abakolwayo, bengenakunikwa tyala labubedengu, bengengabangenakululamela kanjalo. 7Ngokuba ongumlindi efanele ukuba abe ngonganikwa tyala lanto, njengokuba eligosa likatixo; angabi ngonenkani, angabi ngoqumba msinya, angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi, 8abe ngumbuki wabasemzini, umtandi wabalungileyo, enobutelekelelo, enobulungisa, enobungcwele, enobunca̔tu: 9ebambelela kwilizwi elinyanisekileyo njengokufundiswa kwake, ukuze abe namandla kwa nokuyala ngemfundiso enobomi, nokwanyela abapikayo.
10Ngokuba kuko abafumana beteta nabakohlisi abaninzi abangenakululamela, abona banjalo kakulu bengabo basekwalukeni; 11abamilomo ifanele ukutiwa vingci, ekubeni baziwisayo izindlu zipela, befundisa izinto ekungafanele ukuba bazifundise, ngenxa yenzuzo embi. 12Watsho umntu wakuwo, umprofite wakowawo, ukuti: Ama‐Kirete ngamaxoki futi, ngamar̔amncwa amabi, zizisu ezinqenayo. 13Ubunqi̔na obu buyinene. Yiti ngenxa yelituba ubohlwaye ngobukali, ukuze babe bepilile elukolweni: 14benganyamekeli intsomi zakuma‐Juda nemiyalelo yabantu abapambukayo kwinyaniso.
15Kubo abacocekileyo zonke izinto zicocekile: kodwa kubo abanco̔lisekileyo nabangakolwayo akuko nto ecocekileyo; koko kunco̔lisekile kwa noluvo lwabo nesazeliso sabo. 16Bayaxela ukuba bayamazi utixo; kodwa emisebenzini yabo bayamkanyela, bengabazondekayo, nabangevayo, nangakuyo yonke imisebenzi elungileyo benokwaliwa.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi ku‐Titusi 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.