Ingoma ka‐Solomone 1

1
ISAHLUKO I.
1INGOMA yengoma, eyeka‐Solomone.
2Makandange ngokwanga kwomlomo wake: ngokuba utando lwako lumnandi pezu kweveyine. 3Amafuta ako amnandi ngevumba; igama lako linjengamafuta atululwayo; kukona intombi zikutandayo. 4Ndir̔ole, sobaleka emva kwako: ukumkani undingenisile ezinkambilini zake; siya kugcoba sivuye ngawe; utando lwako soluncoma ngapezu kweveyine; abalungileyo bayakutanda.
5Ndimnyama, ndinobuhle noko, nina zintombi zase‐Yerusaleme! njengentente zakwa‐Kedare, njengezikuselo zika‐Solomone. 6Ungandikangeli kuba ndimnyamaṙa, ngokuba ilanga lindibalelele: bati onyana bakama̔ bandiqumbela, bandenza umlindi wemiyezo; owam umyezo andiwulindanga. 7Ndixelele, wena utandwayo ngumpefumlo wam! kupina apo walusayo? kupina apo ubutumisa kona emini enkulu? ngokuba kunganina ukuba ndibe njengogqubuteleyo, ngasemihlambini yamakolwane ako?
8Ukuba akwazi, wena mhle pakati kwamankazana! puma uye emikondweni yomhlambi, uwaluse amatakane ako ngasezintenteni zabalusi.
9Ndikufanisile, sihlobokazi sam! nehashe lam pakati kwawenqwelo zika‐Faro. 10Zihle izidlele zako pakati kwezitsaba, nentamo yako pakati kwezidanga. 11Sokwenzela izitsaba zegolide, kunye namaqulana esilivere.
12Nxa ukumkani angasetafileni yake, inadusi yam iyanika ivumba layo. 13Sisiqunyana semore isitandwa sam kum, esihlala pakati kwamabele am. 14Sisipa sentyatyambo zekofere isitandwa sam kum, emiyezweni yase‐Henegedi.
15Bona ke, umhle, sihlobokazi sam! bona ke, umhle; amehlo ako ngamahobe.
16Bona ke, umhle, sitandwa sam! ewe, umnandi: kanjalo umandlalo wetu uluhlaza; 17imiqadi yendlu yetu zisedare; isifulelo setu ziberoshe.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena