Ingoma ka‐Solomone 2
2
1Ndiyimbali yasetafeni, ndiyinyibiba yasemihlanjeni.
2Njengenyibiba pakati kwemitolo, sinjalo isihlobokazi sam pakati kwentombi.
3Njengomti weapele pakati kwemiti yehlati, sinjalo isitandwa sam pakati kwamadodana. Ndiyanqwenela ukuhlala pantsi emtunzini wawo, kanjalo isiqa̔mo sawo siyolile ekuhlangubo lam. 4Sandizisa endlwini yeveyine, nebanile yaso pezu kwam ibilutando. 5Ndixaseni ngezonkana, ndomelezeni ngeapele; ngokuba ndisifa lutando. 6Isandla saso sokohlo masibe ngapantsi kwentloko yam, nesokunene saso sindisingate. 7Ndiyanifungisa, nina zintombi zase‐Yerusaleme! ngamabadikazi, nangamaxamakazi asendle, ukuba ningavusi, nokuba ningavuseleli utando lwam, lude luvume.
8ILIZWI lesitandwa sam! Nasiya sisiza, sitsiba pezu kwentaba, sixu̔ma pezu kwenduli. 9Isitandwa sam siyafana nebadi, umhlaumbi netole lamaxama: nasiya simi emva kwodonga lwetu, sikangela ngesituba, silunguza ngefenstile. 10Sateta isitandwa sam, sati kum: Suka, sihlobokazi sam, nzwakazi yam, uhambe! 11Ngokuba, bona ke, ubusika bugqitile, imvula itulile, imkile. 12Intyatyambo zibonakele emhlabeni; ixesha lokucula lifikile; nelizwi lezuba livakele elizweni letu. 13Umkiwane uyabonxisa amakiwane awo aluhlaza; nemiti yeveyine inentyatyambo, iyanika ivumba. Suka, sihlobokazi sam, nzwakazi yam, uhambe! 14Hobekazi lam! emifanteni yeliwa, endaweni yokufihlela yomba̔, mandibone ubuso bako, mandilive ilizwi lako: ngokuba ilizwi lako limnandi, nobuso bako bunobuhle.
15Sibambeleni impungutye, impungutye ezincinane, ezonakalisayo imiyezo: ngokuba imiyezo yetu inentyatyambo.
16Isitandwa sam sisesam, ndingowaso mna, esalusa pakati kwazo inyibiba. 17Xeshekweni kupola imini, abaleke amatunzi, buya, sitandwa sam! uxelise ibadi, umhlaumbi itole lamaxama, pezu kwentaba zokwahlula.
Currently Selected:
Ingoma ka‐Solomone 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.