Amaculo 99
99
ICULO XCIX.
1UYEHOVA upete ngobukumkani; izizwe mazingcangcazele: uhleli pakati kwekerubime; umhlaba maushukunyiswe.
2 Uyehova umkulu e‐Ziyone; upezulu yena pezu kwezizwe zonke. 3Mazidumise igama lako elikulu neloyikekayo: uyingcwele yena: 4kwa namandla okumkani: uyatanda ubugwebo. Wena ukuqinisile okufanelekileyo; ubugwebo nobulungisa ubenzile wena kwa‐Yakobi. 5Pakamisani uyehova, utixo wetu, nibedeshe esitulweni senyawo zake: uyingcwele yena.
6U‐Mosesi no‐Arone pakati kwabaperisite bake, no‐Samyali pakati kwabo balibizayo igama lake, bebebiza kuyehova, wati yena wabapendula. 7Wateta nabo entsikeni yelifu: bagcina izinqi̔nelo zake, nommiso wabebanika wona. 8Yehova, Tixo wetu! wabapendula wena: wau ngutixo owabaxolelayo, nakuba ubupindezela ngenxa yezenzo zabo. 9Pakamisani uyehova, utixo wetu, nibedeshe entabeni yake eyingcwele: ngokuba uyehova, utixo wetu, eyingcwele.
Currently Selected:
Amaculo 99: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.