Amaculo 98
98
ICULO XCVIII.
Iculo.
1VUMANI kuyehova iculoelitsha; ngokuba wenzile imimangaliso: isandla sake sokunene, nengalo yake eyingcwele, zimenzele usindiso. 2Uyehova wazisile usindiso lwake; ubulungisa bake ubutyilile emehlweni abaheyideni. 3Ukumbule ububele bake nenyaniseko yake ngakuyo indlu yo‐Sirayeli: zonke incam zomhlaba zibonile usindiso lwotixo wetu.
4Dandulukani ngovuyo kuyehova, mhlaba wonke! gqabukani, nigcobe, nicule nokucula. 5Culani kuyehova ngekinore; ngekinore, nangelizwi leculo. 6Ngamaxilongo, nangelizwi lopondo, yenzani intsholo ebusweni bukayehova ukumkani. 7Ulwandle malugqume, nokuzala kwalo; ilizwe, nabahleli kulo. 8Imilambo mayenze intlombe; intaba mazigcobe kunye 9ebusweni bukayehova: ngokuba esiza kugweba umhlaba: uya kugweba ilizwe ngobulungisa, nezizwe ngokufanelekileyo.
Currently Selected:
Amaculo 98: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.