Amaculo 82

82
ICULO LXXXII.
Iculo lika‐Safa.
1UTIXO umi entlanganisweni katixo; uyagweba pakati kwabo otixo. 2Kwoba kade kangakananina niya kugweba ngobumenemene, nobuso babakohlakeleyo nibubuke? Sela. 3Lungisani ihlwempu nenkedama; gwebelani obandezelweyo nosweleyo. 4Kululani ihlwempu nosweleyo; bahlanguleni esandleni sabakohlakeleyo.
5Abazi, kanjalo abayi kuqonda; bayahamba ebumnyameni: zonke izisekelo zomhlaba ziyazamazama. 6Ndite: Ningotixo; nonke nilusapo lwopezu kwonke. 7Kodwa niya kufa njengabantu; nowa njengenye yasezinkosini.
8Vuka, Tixo! gweba umhlaba; ngokuba wena ufuya zonke izizwe.

Currently Selected:

Amaculo 82: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena