Amaculo 71

71
ICULO LXXI.
1YEHOVA! nditembile kuwe; mandingezi ndidaniswe. 2Ndihlangule ngobulungisa bako, undikulule; tobela kum indlebe yako, undisindise. 3Yiba liliwa lokuhlala kum, endiya kuza kulo futi: usel’ uyalele ukuba ndisindiswe; ngokuba ulilityekazi lam nenqaba yam. 4Tixo wam! ndikulule esandleni sokohlakeleyo, kwa sesandleni solimenemene nosijoṙa. 5Ngokuba nguwe ukukangela kwam, Nkosi, Yehova! ulitemba lam kwa sebutsheni bam. 6Ndisekelwe nguwe kwa sesizalweni; nguwe owandiku̔payo esiswini sikama̔; indumiso yam yoba ngawe futi. 7Ndaba njengommangaliso kwabaninzi: kodwa nguwe isipepelo sam esinamandla. 8Umlomo wam uya kuzaliswa ngodumo lwako, nangobungcwalisa bako imini yonke. 9Zungandilahli ngexesha lobudala; zungandishiyi kwakupela amandla am. 10Ngokuba abazintshaba zam beteta ngam, nabahlolayo umpefumlo wam bayacebisana, 11besiti: Utixo umshiyile; putumani nimbambe, kungeko okululayo nje. 12Tixo! zungabi kude nam: Tixo wam! kauleza ukuza kundinceda. 13Baya kudaniswa bagqityelwe, abo bayimpi kumpefumlo wam; baya kwambatiswa ugxekwa nehlazo, abo bafuna ukwenzakala kwam.
14Kodwa mna ndiya kutemba futi; ndandiya kuman’ ukwongezelela ukukudumisa. 15Umlomo wam uya kubalisa ubulungisa bako, nosindiso lwako imini yonke; nakuba ndingazi amanani. 16Ndiya kuhamba ngamandla enkosi e nguyehova; ndiya kukankanya obako ubulungisa, obako bodwa. 17Tixo! undifundisile kuselokwa sebutsheni bam; nakwada kwakaloku ndiyishumayele imimangaliso yako. 18Ngako kanjalo, nxa kukoyo ubudala nezimvi, zungandishiyi, Tixo! ndide ndishumayele ingalo yako kwisizukulwana esikoyo, namandla ako kuzo zonke ezisakuza. 19Ubulungisa bako nabo, Tixo! bufikela pezulu, wena uzenzileyo izinto ezinkulu: Tixo! ngubanina onjengawe? 20Wena undibonisileyo intsizi ezininzi nezimbi, uya kubuya undipilise; uya kubuya undinyuse ezinzulwini zomhlaba. 21Uya kwandisa ubukulu bam, undonwabise ngamacala onke. 22Nam ndokudumisa ngenebele, kwa inyaniso yako, Tixo wam! ndokuculela ngekinore, wena ngcwele ka‐Sirayeli! 23Umlomo wam uya kuvuya kakulu, nxa ndikuculelayo; nompefumlo wam, owukululeyo. 24Kanjako ulwimi lwam luya kuteta ngobulungisa bako imini yonke; ngokuba bedanisiwe bamatiswa abo bafuna ukwenzakala kwam.

Currently Selected:

Amaculo 71: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena