Amaculo 70

70
ICULO LXX.
Elika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, elokukumbuza.
1 KAULEZA, Tixo! ukuza kundikulula; kauleza, Yehova! ukuza kundisiza. 2Mabadaniswe bamatiswe abo bafuna ubomi bam: mabanqandelwe ngomva, baviswe ihlazo, abo batanda ukwenzakala kwam. 3Mababuye, ube ngumvuzo wehlazo labo, abo bati: Tshotsho! Tshotsho! 4Mabati bonke abo bafuna wena bagcobe bavuye ngawe; mabati abo batanda usindiso lwako bahlale besiti: Makenziwe mkulu utixo. 5Kodwa mna ndilihlwempu, ndingosweleyo; yiza kum kamsinya, Tixo! wena ungumncedi wam nomkululi wam; zungalibali, Yehova!

Currently Selected:

Amaculo 70: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena