Amaculo 48
48
ICULO XLVIII.
Ingoma, iculo liba̔lelwe onyana baka‐Kora.
1UYEHOVA umkulu, ulungele ukudunyiswa kakulu esixekweni sotixo wetu, entabeni yake eyingcwele. 2Intle ngobude, iluvuyiso lwomhlaba wonke, intaba ye‐Ziyone; sisemacaleni asenode isixeko sokumkani omkulu. 3Utixo uyaziwa ezindlwini zaso zobukosi ukuba uyinyango.
4Ngokuba, kangela, okumkani bebehlanganisene, badlula kunye. 5Babona, bandul’ ukuti nqa; betuswa, bemka ngobunxamo. 6Ingcangcazelo yababamba kona, nentlungu njengeyomfazi ozalayo. 7Uyapula inqanawa zase‐Tareshishe ngomoya wasempumalanga. 8Njengokuba sivile, sibonile kwa njalo esixekweni sikayehova wemikosi, esixekweni sotixo wetu; utixo uya kusiqinisa kude kube ngunapakade. Sela.
9Sibucingile ububele bako, Tixo! pakati kwetempile yako. 10Kwa njengegama lako, Tixo! lunjalo udunyiswa lwako kwada kwasezincameni zomhlaba. Isandla sako sokunene sizele bubulungisa. 11Intaba ye‐Ziyone mayivuye, intombi zakwa‐Juda mazigcobe, ngenxa yezigwebo zako. 12Pahlani i‐Ziyone, niyiṙaule; balani inqaba zayo: 13bekelani udonga lwapandle lwayo intliziyo yenu; gqalani izindlu zayo zobukosi; nize nibalise kwisizukulwana esiza mva. 14Ngokuba lotixo e ngutixo wetu ngonapakade kanapakade; wosikokela kude kube sekufeni.
Currently Selected:
Amaculo 48: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.