Amaculo 24
24
ICULO XXIV.
Iculo lika‐Davide.
1UMHLABA ngo kayehova, nokuzala kwawo; ilizwe, nabahleli kulo. 2Ngokuba ewusekele pezu kwelwandle; wawuqinisela pezu kwemilambo.
3Ngubanina oya kunyukela entabeni kayehova? ngubanina oya kuma endaweni yake eyingcwele?
4Ozandla zimhlope, nontliziyo ingcwele; oti umpefumlo wake ungawupakamiselanga kokungendawo, nongafunganga ngenkohliso. 5Yena uya kwamkela itamsanqa kuyehova, nobulungisa kutixo wosindiswa lwake. 6Esi sisizukulwana sabo bambuzelayo; sabo bafuna ubuso bako, Tixo ka‐Yakobi! Sela.
7Pakamisani intloko zenu, masango! nibe nokupakanyiswa, zingcango ezingunapakade! waeya kungena ukumkani wobungcwalisa.
8Ngubanina lokumkani wobungcwalisa? nguyehova onamandla nobuṙoti, nguyehova onobuṙoti emfazweni.
9Pakamisani intloko zenu, masango! nipakame, zingcango ezingunapakade! waeya kungena ukumkani wobungcwalisa.
10Ngubanina yena lokumkani wobungcwalisa? nguyehova wemikosi: nguye ukumkani wobungcwalisa. Sela.
Currently Selected:
Amaculo 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.