Amaculo 23
23
ICULO XXIII.
Iculo lika‐Davide.
1UYEHOVA ungumalusi wam: andiyi kuswela luto. 2Uyandilalisa emaṙiweni aluhlaza; uyandikapela ngasemanzini azolileyo. 3Uyabuyisa umpefumlo wam; uyandikokela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lake. 4Nakuba ndihamba emfuleni wesitunzi sokufa, andiyi kwoyika bubi, ngokuba wena unam; intonga yako nomsimelelo wako zona ziyandonwabisa. 5Uyandilungisela isitebe pambi kwentshaba zam; uyitambisile ngeoli intloko yam; indebe yam iyapupuma. 6Ngenyaniso ndiya kulandelwa kukulunga nabububele yonke imihla yokudla kwam ubomi; nokuhlala kwam kwoba sendlwini kayehova ngonapakade.
Currently Selected:
Amaculo 23: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.