Amaculo 16
16
ICULO XVI.
Imikitame ka‐Davide.
1NDILONDOLOZE, Tixo! ngokuba nditembela kuwe.
2 Mpefumlo wam! utshilo kuyehova ukuti: Uyinkosi yam; ukulunga kwam akufikeleli kuwe, 3kufikelela kubo abangcwele abasemhlabeni, nakubadumileyo ekukubo konke ukunyamekela kwam. 4Ziya kwandiswa intlungu zabanxamele utixo wumbi: andiyi kunikela ngeminikelo yabo yegazi; namagama abo andiyi kuwatabatela emlonyeni wam. 5Uyehova usisabelwa sesahlulo sam, nesendebe yam: wena uyagcina iqashiswa lam. 6Intambo zokulinganisa ziwe kum ezindaweni ezimnandi; ewe, lilifa elihle elilelam.
7Ndiya kumbonga uyehova, ondinika icebo: kanjalo izintso zam ziyandiluleka ngamaxesha asebusuku. 8Uyehova ndimbekile pambi kwam futi: engasekunene kum nje, andisayi kushukunyiswa. 9Ngako oko intliziyo yam iyavuya, nengcwalisa yam iyagcoba: kanjalo inyama yam iya kupumla ngetemba. 10Ngokuba ungayi kushiya umpefumlo wam ehadesi; kanjako akuyi kuyekelela oyingcwele yako eve ukubola. 11Uya kundazisa indlela yobomi: ebusweni bako kuko ubuninzi bovuyo; ngesokunene isandla sako kuko iziyolo ezingunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.