Amaculo 125

125
ICULO CXXV.
Iculo lezinyuko.
1ABO batembela kuyehova banjengentaba ye‐Ziyone, engenakushukunyiswa, ihleli ngonapakade nje. 2Intaba ziyangqonga i‐Yerusaleme: kwa njalo uyehova uyangqonga abantu bake, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. 3Ngokuba intonga yabakohlakeleyo ingayi kupumla eqashisweni labalungileyo; hleze abalungileyo bolule izandla zabo ngasenkohlakalweni.
4Yenza okulungileyo, Yehova! kwabalungileyo, nakwabo balungisekile ezintliziyweni zabo. 5Abo bapambukelayo ngasezindleleni zabo ezigoso, uyehova uya kubemkisa ndawonye nabenzi benkohlakalo: kodwa uxolo lwoba pezu kwo‐Sirayeli.

Currently Selected:

Amaculo 125: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena