Amaculo 124
124
ICULO CXXIV.
Iculo lezinyuko, lika‐Davide.
1UKUBA ebenge nguyehova obeko kuti, (makatsho ke u‐Sirayeli,) 2ukuba ebenge nguyehova obeko kuti, nxa basisukelayo abantu; 3ngebete oko basiginya sihleli, nxa umsindo wabo wabuvuta ngakuti: 4oko amanzi ngeesintywilisile; umsinga ngeudlule pezu kwompefumlo wetu: 5oko ngeedlule pezu kwompefumlo wetu amanzi akukumeleyo.
6Makabongwe uyehova, ongasinikelanga emazinyweni abo sibe yinto yokuqwengwa. 7Umpefumlo wetu usindile njengentaka esigwini sabatiyeli: isigu sapukile, sasinda ke tina. 8Uncedo lwetu lusegameni likayehova, owenza izulu nomhlaba.
Currently Selected:
Amaculo 124: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.