Amaculo 116

116
ICULO CXVI.
1NDITANDILE ukuba uyehova alive ilizwi lam, nezikungo zam. 2Ngokuba etobele kum indlebe yake, ngako emihleni ndiseko ngayo ndiya kubiza kuye.
3Intambo zokufa zandir̔aula, nentlungu zehadesi zandihlela; ndafumana ubunzima nosizi. 4Ndandul’ ukubiza egameni likayehova: Ke, Yehova! uze ukulule umpefumlo wam. 5Unofefe uyehova, unobulungisa; ewe, utixo wetu unenceba. 6Uyehova uyagcina abatambileyo: ndanditotyelwe pantsi, wandisindisa ke. 7Buyela ekupumleni kwako, mpefumlo wam! ngokuba uyehova ekwenzele okulungileyo. 8Ngokuba uhlangule umpefumlo wam ekufeni, namehlo am ezinyembezini, nenyawo zam ekuweni. 9Ndiya kuhamba ebusweni bukayehova emazweni abahleliyo. 10Ndakolwa, kungoko ndatetayo: ndandibandezelwe kakulu. 11Ndati ekunxameni kwam: Bonke abantu bangamaxoki.
12Ndiya kunikela nto nina kuyehova ngenxa yazo zonke izincedo zake ngakum? 13Ndiya kutabata indebe yosindiso, ndibize egameni likayehova. 14Ndiya kufeza izibambiso zam kuyehova, ngapambi ke kwabo bonke abantu bake. 15Kunqabile emehlweni kayehova ukufa kwabangcwele bake. 16Ke, Yehova! ngenyaniso ndisisicaka sako; ndisisicaka sako, kwa unyana wesicakakazi sako: uzicumbulule izinxibo zam. 17Ndiya kunikela umnikelo wombulelo kuwe, ndibize egameni likayehova. 18Ndiya kufeza izibambiso zam kuyehova, ngapambi ke kwabo bonke abantu bake, 19emakusini endlu kayehova, pakati kwako, Yerusaleme! — Dumisani uyehova!

Currently Selected:

Amaculo 116: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena