Amaculo 1
1
ICULO I.
1HAI itamsanqa lalomntu ongahambiyo eqingeni labakohlakeleyo, ongemi endleleni yaboni, ongahlali esihlalweni sabagxeki; 2koko ukunyamekela kwake kusemtetweni kayehova, ecinga nokucinga umteto wake emini nasebusuku! 3Uya kuba njengomti utyelwe ngasemijelweni yamanzi ke, ovelisa isiqa̔mo sawo ngexesha lawo, nogqabi lingayi kubuna; nako konke akwenzayo kwolungiseka.
4Abanjalo abakohlakeleyo; banjengomququ bona opetshetwayo ngumoya. 5Ngako oko abayi kuma abakohlakeleyo ekugwebeni, naboni entlanganisweni yabalungileyo. 6Ngokuba uyehova eyazi indlela yabalungileyo; kanti indlela yabakohlakeleyo iya kutshabalala.
Currently Selected:
Amaculo 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.