U‐Jobi 42
42
1WAZA u‐Jobi wampendula uyehova, wati:
2Ndiyazi ukuba ungazenza zonke izinto, nokuba akuko qinga elinqandeka kuwe. 3Ngubanina lo ositelisa icebo ngokungenakwazi? Kungoko ndikuxeleyo oko ndingakuqondi; izinto ezindinqabeleyo, endingazazi. 4Pulapula ke, ndandiya kuteta; ndiya kubuza kuwe, uze undazise. 5Bendivile ngawe ngokuva kwendlebe; kodwa kaloku iliso lam liyakubona. 6Kukona ndizidelayo, ndigqoboke ndiselutulini naselututwini.
7KWAYE kute, akuba ebetetile uyehova lamazwi ku‐Jobi, wandula uyehova wati ku‐Elifazi um‐Temani: ingqumbo yam iyavuta ngakuwe, nangakuzo izihlobo zako zozibini; ngokuba ningatetanga ngam okufanelekileyo, njengesicaka sam u‐Jobi. 8Ngako kaloku, zitabateleni inkabi zibe zisixe̔nxe nenkunzi zegusha zibe zisixe̔nxe, niye kwisicaka sam u‐Jobi, ninikele idini lokutshiswa ngenxa yenu; waeya kuti u‐Jobi, isicaka sam, anitandazele: ngokuba yena ndiya kumbuka, ukuze ndingenzi kuni ngobudenge benu; ngokuba ningatetanga ngam okufanelekileyo, njengesicaka sam u‐Jobi.
9Kwa njalo u‐Elifazi um‐Temani, no‐Biledadi um‐Shuha, no‐Tsofare um‐Nahama, baya benje njengokuba ebetshilo kubo uyehova; waye uyehova wambuka u‐Jobi.
10Waza uyehova wabuyisa ukutinjwa kuka‐Jobi, akuba ebetandazele abahlobo bake: wayesongeza uyehova kuko konke abe enako u‐Jobi, kude kwapindwa. 11Kwaye kusiza kuye bonke abaninawe bake, nabo bonke odade bake, nabo bonke abebefudula besazana naye, badla isonka naye endlwini yake, bamku̔za, bamtutuzela ngenxa yabo bonke ububi abebuzisile uyehova pezu kwake: bampa abanye ngabanye iqosha lemali, nabanye ngabanye umsesane wegolide.
12Waye uyehova ekutamsanqelisa ukupela kuka‐Jobi ngapezu kwokuqala kwake: ngokuba ebenegusha ezingamawaka alishumi linesine, nenkamela ezingamawaka matandatu, nezibini zenkabi eziliwaka, namaqwaṙashekazi ekwa liwaka. 13Ebenonyana basixe̔nxe nentombi zantatu kanjalo. 14Wayebiza igama leyokuqala ngo‐Jemima, negama leyesibini ngo‐Ketsiya, negama leyesitatu ngo‐Kerene‐hapuke. 15Kwaye kungafunyanwa amankazana emahle njengentombi zika‐Jobi, kulo lonke ilizwe: wati uyise wazinika ilifa pakati kwabazalwana bazo.
16Wahlala u‐Jobi emveni kwoku iminyaka yalikulu elinamashumi mane, wabona onyana bake, nonyana bonyana bake, izizukulwana ezine. 17Wada wafa u‐Jobi, emdala, ekolisile ukuba nemihla.
Currently Selected:
U‐Jobi 42: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.