UYEHOVA wandifuya ndikukuqala kwendlela yake, ingekabiko imisebenzi yake, kwa kudala. Kwa kunapakade ndatanjiswa, kwa sekuqaleni, ungekabiko umhlaba. Zakuba zingeko inzulu, bendizelwe; yakuba ingeko imitombo emanzi maninzi. Zingekaqinanga intaba, zingekabiko induli, ndandizelwe; nxa ebengekawenzanga umhlaba, nezindle, nolwokuqala utuli lwelizwe. Oko abelungisa amazulu, bendikona mna; oko abeba̔la isazinge pezu kwobuso benzulu; oko abeqinisa amafu ngapezulu; oko womelezayo imitombo yenzulu; oko wabekela ulwandle umda walo, ukuba amanzi angagqiti ilizwi lake; oko abemisa imisekelo yomhlaba; ndasendiko kufupi naye njengowondliweyo; ndandiluyolo lwake imihla ngemihla, ndigcoba pambi kwake ngamaxesha onke; ndigcoba kwezimiweyo indawo zomhlaba wake; lwaye uyolo lwam lwanonyana babantu. Ngako kaloku ndiveni, bonyanandini! ngokuba benetamsanqa abazigcinayo indlela zam. Yivani imfundiso, nilumke, ningayali. Unetamsanqa umntu ondivayo, elinda emasangweni am imihla ngemihla, egcina imigubasi yengcango zam. Ngokuba ondifumanayo efumana ubomi; uya kuzuza imbuko KUYEHOVA. Kodwa owonayo kum, uyabandezela owake umpefumlo: bonke abanditiyayo bayatanda ukufa.
Funda Imizekeliso 8
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 8:22-36
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos