Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IMIZEKELISO 8:22-36

IMIZEKELISO 8:22-36 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe; ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo. Mna wandiqingqa kwasephakadeni, kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo, tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba; neenduli zilibone emva kwam ilanga. Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo; ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini! Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo, xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo. Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho, nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho. Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle, xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’ Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho. Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi; ndandizele yimincili iimini ngeemini, ndivuya apho ecaleni kwakhe. Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo; ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu. “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni, kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam. Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko; sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo. Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo; nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla, osoloko elindile emasangweni am phaya. Ozuze mna ke ubufumene ubomi; uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo. Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile; kanti ke lowo undithiyileyo uthand' ukufa.”