IMIZEKELISO 8:22-36
IMIZEKELISO 8:22-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi. Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli; Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo; Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo; Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi: Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini; Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu. Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam! Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki. Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam! Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuzé okukholekileyo kuYehova. Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.
IMIZEKELISO 8:22-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wandenza ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. Mna ndasekwa kususela kumaxesha amandulo, kwasephakadeni, Kwasemaphakadeni elimiweyo. Ndazalwa kungekabikho bunzulu; kungekho maqula azele ngamanzi. Iintaba azikasekwa, neenduli zingekaveli; Akenzanga hlabathi, namasimi, Nothuli lomhlaba. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekuwatywineni kwakhe amafu phezulu, Ekutywineni kwakhe amaqula oonogumbe behlabathi. uEnere waluwisela umthetho ulwandle, ukuba amanzi angawexuki umthetho wakhe, Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi. Ke kaloku ndandinaye, njengokungathi omnye esondlwe naye; Vuyani ngenxa yesahlulo sehlabathi; noyolo lwam lwalukoonyana babantu. Bantwana bam, ndiveni kaloku, ngokuba hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam! Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, ningalushiyi. Hayi, uyolo lomntu ondivayo, Ozigcinayo iingcango zam imihla yonke, Elondoloza iingcango zeminyango yam; Ngokuba ondifumeneyo mna ufumene ubomi, nenceba evela kuYehova. Ke yena ondingcatshayo utshabalalisa umphefumlo wakhe; bonke abandithiyileyo bathanda ukufa.

IMIZEKELISO 8:22-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe; ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo. Mna wandiqingqa kwasephakadeni, kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho. Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo, tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi. Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba; neenduli zilibone emva kwam ilanga. Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo; ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini! Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo, xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo. Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho, nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho. Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle, xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’ Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho. Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi; ndandizele yimincili iimini ngeemini, ndivuya apho ecaleni kwakhe. Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo; ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu. “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni, kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam. Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko; sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo. Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo; nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla, osoloko elindile emasangweni am phaya. Ozuze mna ke ubufumene ubomi; uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo. Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile; kanti ke lowo undithiyileyo uthand' ukufa.”
IMIZEKELISO 8:22-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wandenza ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. Mna ndasekwa kususela kumaxesha amandulo, kwasephakadeni, Kwasemaphakadeni elimiweyo. Ndazalwa kungekabikho bunzulu; kungekho maqula azele ngamanzi. Iintaba azikasekwa, neenduli zingekaveli; Akenzanga hlabathi, namasimi, Nothuli lomhlaba. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekuwatywineni kwakhe amafu phezulu, Ekutywineni kwakhe amaqula oonogumbe behlabathi. uEnere waluwisela umthetho ulwandle, ukuba amanzi angawexuki umthetho wakhe, Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi. Ke kaloku ndandinaye, njengokungathi omnye esondlwe naye; Vuyani ngenxa yesahlulo sehlabathi; noyolo lwam lwalukoonyana babantu. Bantwana bam, ndiveni kaloku, ngokuba hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam! Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, ningalushiyi. Hayi, uyolo lomntu ondivayo, Ozigcinayo iingcango zam imihla yonke, Elondoloza iingcango zeminyango yam; Ngokuba ondifumeneyo mna ufumene ubomi, nenceba evela kuYehova. Ke yena ondingcatshayo utshabalalisa umphefumlo wakhe; bonke abandithiyileyo bathanda ukufa.
IMIZEKELISO 8:22-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA wandifuya ndikukuqala kwendlela yake, ingekabiko imisebenzi yake, kwa kudala. Kwa kunapakade ndatanjiswa, kwa sekuqaleni, ungekabiko umhlaba. Zakuba zingeko inzulu, bendizelwe; yakuba ingeko imitombo emanzi maninzi. Zingekaqinanga intaba, zingekabiko induli, ndandizelwe; nxa ebengekawenzanga umhlaba, nezindle, nolwokuqala utuli lwelizwe. Oko abelungisa amazulu, bendikona mna; oko abeba̔la isazinge pezu kwobuso benzulu; oko abeqinisa amafu ngapezulu; oko womelezayo imitombo yenzulu; oko wabekela ulwandle umda walo, ukuba amanzi angagqiti ilizwi lake; oko abemisa imisekelo yomhlaba; ndasendiko kufupi naye njengowondliweyo; ndandiluyolo lwake imihla ngemihla, ndigcoba pambi kwake ngamaxesha onke; ndigcoba kwezimiweyo indawo zomhlaba wake; lwaye uyolo lwam lwanonyana babantu. Ngako kaloku ndiveni, bonyanandini! ngokuba benetamsanqa abazigcinayo indlela zam. Yivani imfundiso, nilumke, ningayali. Unetamsanqa umntu ondivayo, elinda emasangweni am imihla ngemihla, egcina imigubasi yengcango zam. Ngokuba ondifumanayo efumana ubomi; uya kuzuza imbuko KUYEHOVA. Kodwa owonayo kum, uyabandezela owake umpefumlo: bonke abanditiyayo bayatanda ukufa.